Kwathi ke kaloku kwangantsomi.   Yayindoda nomfazi.  Yazala le ndoda yazal' 
umntwana.  Ngonje wakhula lo mntwana wamdala.  Wahamba lo mntwana waya kwadade 
boyise.   Walahlekelwa ngumzi wakwadade boyise wabon'okhanyayo.  Sekuhlwile ke 
ngoku kusebusuku usuke emalanga kowabo uyafuna.   Wabon' umzi okhanyayo waya 
kulo mzi.  Wafika kanti yinja le inkulo mzi  nekati .  Le  kati  iyaphothula.   
Yathi le nja"	 Hawu hawu  phothula!" Wathi lo mntu"Hayi andinakulunga 
ukuphothulela inja andinakukwazi ukuphothulel' inja. " Yathi le inja" Hawu  
ndakutya!" Yasukuma le ntombazana yaphothula.  Yaphothula yagqiba.  Yathi 
yakugqiba yayinika le nja yavubisa.  Yavubisa le nja yathi" Hawu hawu  yiza 
kutya!" Yathi"Andizange nditye nenja nasekhaya andinakulunga. "  "Hawu hawu  
ndakutya!" Yeza kutya le ntombazana bagqiba ukutya.   Ngokuba baza kulala.  
Yathi le nja  "Hawu hawu  yizolala!" "Andizange ndilale nenja nasekhaya. " 
" Hawu hawu  ndakutya!" Yeza le ntombazana bazolala balala.  Yath' inja Haha! 
Kant' abantw' aba bava kanje! Haha! Kant' abantw' aba bava kanje!  Kudek'  
ukutya!  Kudek'  ukutya!  Kudek'  ukutya!  Kudek'  ukutya!  Kwasa kusasa yahamb' 
inja yaya kwalusa.  Yazimel' intombazana yagoduka.  Yadibana nononkala 
ndiginye!" Wath' unonkala"Andinakukuginya mna andinakulunga ukukuginya 
ungangokuba ungaka!"  Yahamb' intombazana.  Iyabaleka ke ngokunana izimel' 
inja inja iye kwalusa.  Yahamb' intombazana.  Yadibana noxam"Xam ndiginye!"  
Wath' uxam"Hayi andinakulunga ukuginya wena ungangokuba ungaka!" 
Yabalek'intombazana yegqithela ngaphambili.  Yadibana nesele elikhulu 
elingunomabengu.  Yathi"Nomabengu ndiginye!" Wayithatha le ntombazana 
unomabengu wayithi qha! Yafik' inja yafuna yagqitha kulaa nonkala yathi 
"Nonkala akubonanga mntu obegqith' apha?" "Gqithela ngaphambili!" Yagqithela.  
Yafika kulaa nomabengu"Nomabengu akubonanga mntu uyintombazana obegqith' apha? 
 Hawu Hawu  ndakutya!"  Yaphinda"Nomabengu akubonanga mntu uyintombazan' 
obegqith' apha?  Hawu Hawu  ndakutya!" Hayi yancam' inja yaphinda yagoduka.   
Wahamba ke ngoku unomabengu wayis' intombazana kowayo.  Wala xa afikayo 
ngasemnyango bakhuz' abantu endlwini "Yho! Yho! zange silibon' isel' elingaka! 
Khanize neentonga silibethe!" Lathi lona  Andilosele mna andilosele 
lakugetyengwa!  Ndizoxel' umalusi unentloko  Ndizoxel' uMalusi kowabo  
Ndizoxel' uMalusi ufile  Ndizoxel' uMalusi kowabo  Khawuve  shhh  gqabadu!  
Khawuve  shhh  gqabadu!  Kwathiwa "Yehe! zange silibon' isel' elithethayo! 
Khanize bethu khanizomamela nangu umlingo! Litheni eli sele lithethayo?"  Hayi 
baphinda bathi"Khawuphind' utsho!" Sekufike nabany' abantu ngokunana 
bezomamel' eli sele.  Laphinda latsh' isele  Ndizoxel' uMalus' ubufile 
Ndizoxel' uMalus' kowabo Ndizoxel' uMalus' unentloko Ndizoxel' uMalus' kowabo 
Khawuve shhh gqabadu! Khawuve shhh gqabadu!  Kwathiwa"Khawenze sibone!" 
Lamkhuph' eli sele.  Kwathiwa"Yhoo! umthatha phi lo mntwana kudala kangaka 
walahlekayo? "Laxel' isele lathi "Wafika lo mntwana ebaleka exinwa yinja 
wayelahlekwe ngumzi wakwadade boyise wayesiya kwadade boyise. "Lanikwa inkabi 
 yebhokhwe  ke ngoku eli sele inkabi  yebhokhwe  lahamba nayo.  Lafika phaya 
layixhela.   Ee  bez' oononkala rhoqololo rhoqlolol nooxam bazofuna le nyama 
ngoku.  Wath' unomabengu "Ubeqale kuni laa nmtu ukuba nimginye anavuma 
ukumginya ngoku mna ndimgcinile.  Anizi kuyiva le nyama ndiza kuyitya ndedwa. 
 Kwaphelaphela ngantsomi ke ngoku. 

 Kwathi ke kaloku ngantsomi  Yangumntu wazeka.  Wazeka umtshakazi.  Wahamba lo mtshakazi waya kutheza.  Wathi asakuya 
kutheza lo mtshakazi eli hlathi alinankuni zinqabile lancanywa laphunywa 
alithezwa mntu kwafika into intaka enkulu.  Yathi"Mtshakazi ungampha ntoni 
umntu onokukhulula njengokuba ungumtshakazi nje akuthezele ezi nkuni.  
Ungathini? Akunakumxela?" "Hayi andinakumxela. "  Yamthezela yamthezela 
yazaphula phezulu emithini yamnika lo mtshakazi.  Wagoduka lo mtshakazi 
kwangoko kungekakhunjulwa ukuba uyabuya.  Wafika ekhaya.  "Yini yini 
wakhawuleza kangaka ubuzithatha phi ezi nkuni?" "Hayi ndizifumene 
ngethamsanqa. " "Hayi uyaxoka uza kuzixela.  Yini kutheni kweli hlathi 
lancanywayo lingasathezwa mntu?" Hayi akaxela.  Wehla wabheka kwakweli hlathi. 
 Wala xa asandula kufika kweli hlathi yaphuma le ntaka ehlathini yema emthini 
yamemeza  Ingab' utshilo ingab' utshilo kwabasekhaya Wen' uthezelwa yintak' 
enkulu  Wathi  Hayi anditshongo hayi utshilo kwabasekhaya Mna ndithezelwa 
yintak' enkulu  Yathi"Khawuleza yiza kutheza. " Waphinda wangen' ehlathini 
waphinda watheza wakhawulezisa wakhawulezisa watheza.  Waphinda wagoduka.  
Yathi indoda yakhe asakufika ekhaya"Heyi mfazindini! Ezi nkuni uzithatha phi? 
Wathi yena"Hayi ezi nkuni ndiyazilalela ndisuk' ndizibone. " Ithe ke le ntaka 
iza kumbulala ukuba ukhe waxela ekhaya. Akaxela.   Ngoku kwathi ke ngoku ke 
indoda yakhe njengokuba kucaca ukuba ifuna ukumenzakalisa ngenxa yokuba 
efumana ezi nkuni zancanywayo kweli hlathi zingenabantu bazibonayo kudala 
bezitheza.  Wafun' ukuxela.  Hayi yamyeka indoda kuba usengumtshakazi 
isamoyika ngumntu wasemzini.   Waphinda waya kutheza kusasa.  Waphinda 
wakhawulezisa wakhawulezisa wakhawuleza wabuya.  Yathi indoda yakhe "Uza 
kundixelela laa nto ikuthezela kwelaa hlathi.  "Wathi "Yintaka yehlathi 
enkulu. "  Wathi xa aphindayo ke ngoku ngomhla wesine esiya kweli hlathi yathi 
le ntaka  Ingab' utshilo ingab' utshilo kwabasekhaya Wen' uthezelwa yintak' 
enkulu  Hayi anditshongo hayi anditshongo kwabasekhaya Mna ndithezelwa yintak' 
enkulu  Yasuka yamtya apha ebuchotsheni wafa laa mtshakazi.   Kwafunwa ke 
ngoku yilali kwafunwa laa mtshakazi ebeye kutheza njengokuba ebulewe yile 
ntaka.  Yawela le ntaka yamemeza ebantwini yazixela ukuba "ndim umntu 
owayeyingozi kweli hlathi ukuze libe kanti alihanjwa ngoba ndilimaza abantu.  
Eli hlathi ndalifumana ngantoni? Ngoba iintaka ndazitya ndazohlula ndiyinkulu 
ezintakeni ndazitya ndazigqiba ndashiyeka indim kweli hlathi ogcine eli 
hlathi.  Ndimbulele nguye lo ke. "  Kwafumaniseka ngoku ukuba makufunwe 
abelungu kuyiwe kukhangelwa laa ntaka kwelaa hlathi.  Bafunwa ke ngoku 
abelungu beza nemikhangehlulo baya bayikhangehlula laa ntaka yafa laa ntaka 
kwelaa hlathi.   Phela ngantsomi.   
 Kwathi ke kaloku kwangantsomi  
 YangooCwalmani  bahamba baya kuloba elwandle baloba iintlanzi. Baziloba ezi 
ntlanzi  ooCwalmani .  Baloba baloba kule ndawo bahamba bashiya baya kuloba 
kwenye indawo bazishiya apha ezi ntlanzi.   Wafika  uDyakalashe  wazitya ezi 
ntlanzi.  Baloba bona  ooCwalmani  waye ezityile  uDyakalashe  wahamba. Babuya 
baba ngathi "Yhini iintlanzi zethu ziye phi apha? Kwowu  nguDyakalashe .  Nali 
inqina lakhe.   Owu  yinibethu  uDyakalashe  singamfumana njani ngeentlanzi zethu? 
Usingangelani?"   Ee  bahamba badibana naye kwanamhlanje ngoku bavela 
elwandle" Dyakalashe  ziphi iintlanzi zethu?"  Ee  bamxina wabaleka watshona 
emngxunyeni bamthi nqaku ngomsila.  Wathi  uDyakalashe "Niyaxoka anibambanga mna 
nibambe ingangomtyhwala wemk'  uDyakalashe .  Wemka kakhulu.  "Uya kuze unye 
 Dyakalashe  siya kuze sihlangane nokuba kunini na!" Wahamba  uDyakalashe.   
Wafika imfene ihleli emaweni iphethe inkabi yegusha imbiza igcwele ithe nkqo 
yinyama.  Wathi " Ya ! Yitsho wena wakwamfene!" Wathi  "Ya  Dyakalashe !" "Kunjani 
mfondini? Upheke ntoni?" "Hayi ndiphek' inyama. " "Yhu! Kutheni mfondini? 
Bamba bamba nali iliwa! Bamba nali iliwa liza kuwela! Kutheni le nto uhleli 
phantsi kweliwa liza kukwenzakalisa?"  Ee  yadantsalaza  imfene apha yabamba eli 
liwa.  "Bamba mfondini ndisaya kukha izixhaso silixhase!"  Ee  yadantsalaza  apha 
ibambe ngamandla ibambe eli liwa iza kwenzakala liliwa.  Waya kutya laa nyama 
 uDyakalashe  wayitya imbiza wayigqiba wayithi phu watya naloo mihluzana 
ibikhona washiya amathambo.  Wabuya" Awu  mfondini ulibambeleni eli liwa?" " Awu  
mfondini liza kusiwela eli liwa eli. " "Hayi suka suk' eliweni mfondini 
ngokuya bendifike uhleli phantsi kweli liwa belitheni zelingakuweli nje 
belitheni?" "Hayi mfondini yiza kulibamba ndiyoyika!"  Ee  wabamba.  "Suka 
mfondini!" "Hayi ndisahamba mfondini. " Ihambile ke ngoku imfene iye embizeni 
yayo iyokutya.   Owu  kwimbiza akukho kwanyama angayityayo.  " Owu  yini 
 uDyakalashe  ukundinyanga kangaka kangaka? Ndingambhaqelwa ngubani  uDyakalashe ? 
Ndingaze ndimthini? Yini ngenyama yam ebengasandishiyeli nokuba ngumhluzi?  
Yalil' imfene yalil' imfene.  Kwala ngezokusa wathi uyabona ngani  uDyakalashe  
yiyo le imfene seyilapha sebegagana.  Wathi  uDyakalashe   Uuh! Uuh! Uuh! Uuh! Uuh!  
 Uuh!  Yathi imfene Yintoni  Dyakalashe ? Yintoni?" "Yintloko namagxa nemilenze. " 
"Yiza ndikubeleke. "  Ee  wakhwela wathi" Khawundifunele intwana yobukhalana 
ndibambelele ndingawi undifunele intwana  yobusalana  ndenzel' ukuba ndingatyiwa 
ngamathambo omqolo undifunele intwana uyobuswazana ukwenzel' ukuba ndingatyiwa 
zizinja ndikwazi  ukuhesha  izinja. " Yaziqokelela apha imfene ezi zinto 
inobubele ngoku iphelile laa nto ngoku umntu uyagula.   Ee  wahamba ke.   Wala 
ukuba makavele ebantwaneni beenkawu wathi  uDyakalashe  "Hayi!" Walufaka uswazi 
walufaka uswazi!  Owu  yasuk' imfene yaziphosa ebibini.  Wathi 
 uDyakalashe "Thatha khona. "  Kwakuphela ngantsomi.
 Kwathi ke kaloku ngantsomi.   Umfazi wamitha wazal' umntwana.  Wazal' umntwana 
ongathethiyo wathi  nguSikhuluma  igama.  Wathi esakuzalwa lo  Sikhuluma  
akathethi akathetha wada wamdala.  Wathi esakuba mdala wathi "Ndifun' 
ukwaluka. " Waphukaneka.  Badloba bakhe bamnika udadewabo bathi "Wathetha 
umntakamama wathetha  uSikhuluma !"  Wath' esakugqib' ukutsho waluswa 
amakhwenkwe abizelwa ke yinkosi yinkwenkwe yenkosi le kwabizelwa kwathiwa 
amakhwenkwe afuna ukwaluka.   Yaluka ke le nkwenkwe namakhwenkwe amaninzi 
ekhaya apha.  Bathi besakugqiba ukwaluka bahlala kanti wayethe uyise nxa 
amncinci wathi "Umntwan' am uya kuze athi mhla waphuma uya kuphuma ngengubo 
yenabulele. " Kanti ke uyise uyilibele loo nto ngoku akasayazi kuba 
wayesemncinci kanti umntwana uyigcinile.   Bathi besakugqiba ke ngoku ukuba 
bangaphuma baba ngathi abantu kwowu! "amakhwenkwe makaphume" angathethi 
 uSikhuluma .  "sifuna amakhwenkwe aphume. " Alile  uSikhuluma  angathethi ucinga 
elaa bhayi lenabulele.  Wahlala kwahlwa kwalalwa.  Wathi kudadewabo esakufika 
ebasela ukutya wathi "Uyabona ke dade uze usile izonka uzizise apha. "  
Wazisila ke udadewabo wazisila wazisila wazisila wazisa ethontweni.  Wathi 
asakufika ethontweni wagoduka ke bamkhapha abakhwetha kuba kuhlwile walala.   
Kwasa ekuseni umkhwetha engekho ethontweni kanti kuthathwe ezi zonka kwemkiwa 
nazo.  Wafika umntu kusasa wathi "Abakhwetha baye phi?" Wathi umntu " Kwewu ! 
Yini abantwana bethu baye phi basiwe phi sesi sidenge?"  kwathiwa cwaka 
kwahlaleka kungaziwa abakhwetha apho bakhona.  Bafika emlanjeni bathi "Nabulele 
phuma unditye!"  Yathi inabulele "Gqithela phambili  Sikhuluma  ndilintshontsho. 
" Wahamb'  uSikhuluma .  Epheth' umkhonto omfitshane.  Wafik'  uSikhuluma  kulo 
mlambo wathi "Phuma nabulele unditye. " Yathi inabulele "Gqithela phambili 
 Sikhuluma  ndingumdlezana. " Wegqitha  uSikhuluma .  Wafika kwesinye isiziba 
wafika waphosa esi sonka wathi "Phuma nabulele unditye!" Yathi inabulele "Hayi 
 Sikhuluma  ndilixhego. " Watsho phakathi ngoku nalo mkhonto walahla ibhayi lakhe 
watsho phakathi.  Wathi ke "Zenijonge apha ngaphandle nijonge kakhulu nithi 
ukuba ndikhe ndawa wawa lo mkhonto nazi ukuba ndifile ngaphakathi apha. "  
Hayi kwathi kuba kukho iphakathi lakhe elihambayo wabanjwa lo mkhonto ngulowo 
uwunikiweyo lo umde.  Wabanjwa apho bejoga abakhwetha watsho phakathi.  
Wangathi uyawa apha umkhonto uyawa bawuqinisa.  Wavuka umkhonto phelekethu 
kanti sukuba engaphantsi ngoku umkhonto wayo phelekethu.  Waphuma nayo 
 uSikhuluma  wayibulala.  Waphuma nayo inabulele wafika phezu komlambo 
wayihlinza wayihlinza wayihlinza wayisonga wayisonga wayisonga isikhumba 
wajula le nyama.  Wathi ke "Zenibaleke kakhulu. " Babaleka ke ngoku abanye 
abakhwetha kwabalekwa kwabalekwa kwabalekwa kwayiwa kufikwa.  Zaphuma 
iinabulele zaphuma.  Zonke zisukela zithe bhazalala zisukela int' ebulel' 
umntakwazo.  Hayi babaleka bazishiya.   Bahamba bahamba bafika behamba bebeth' 
iintaka elingisa  uSikhuluma  elingisa ezintakeni zithi waca elingisa.  Bafika 
endlwini.  Bathi besakufika kule ndlu kwindlu enkulu bafika kukho  isikotile  
phaya  seenoyi .  Bathi bangena kule ndlu bathi babasa.  Akatyi ke lo  Sikhuluma  
akatyi kutya.  Babas' apho botha lo mlilo baty' aba bakhwetha esi  sikotile  
sezi  noyi .  Batya batya batya batya balala baty' ezi ntaka bebeziphethe 
bajikeleza barhangq' eli ziko ngezi ntloko zeentaka balala.  Balal' apha.  
Wafika umnikazi le ndlu igongqongqo.   Lathi " Hmmm ! kwanuka mnand' endlwini 
nkosikazi! Lathi"Ndakuqala ngalo ndize ngalo ndize ngalo ndigqibele ngalowo 
unyawo zincinanana umntwan' enkosi ekwayinkosi naye. " Latya latya latya ezi 
ntaka laphuma lahamba.   Bavuka ekuseni.  Bathi "Ziye phi ezi ntaka? " Wahlala 
wathi  tu   uSikhuluma .  Bathi "Ziye phi ezi ntaka? Kwowu isidenge siyazity' ezi 
ntaka siyakub' ukutya sihlala sisithi asityi nje. " Wahlala  tu  walil' 
 uSikhuluma .  Wahlala.  Bathi "Masigoduke!"Wathi yena"Andihambi. " Bahamba baya 
kuzingela.   Wakha idadangule walaluka walaluka eli dadangule ehleli apha 
esitya.  Wathi xa balalayo walirhintyela phaya ezinyaweni kubo bonke 
walirhintyela walirhintyela walirhintyela walirhintyela kubo walibamba 
ngesandla.  Walal' ke.  Balala abakhwetha.   Lafik' igongqongqo 
lathi"Ndakuqala ngalo ndize ngalo. . . . . " Wathi xhuzu xhuzu xhuzu.  Bavuka 
khuphululu abakhwetha.  Kwowu bangcangcazela apha abakhwetha boyika ngoku.  
Latsho eli gongqongqo langena.  Latya latya ezi ntaka bebona ngoku behleli 
iyinqaba ngoku.  Laphuma lahamba laya kubiza amanye amagongqongqo lixela 
ukuba "aba abakhwetha endlwini yam. "  Bavuka ekuseni. " owu  masihambe mntwana 
wenkosi ekwayinkosi naye sibonile kuthe kanti siphazamile.   Sikumoshile  
sikuthukile awutyi masihambe. " Wahamba ke wathi xa belungisa bengekahambi 
afika amagongqongqo.  Athi amagongqongqo nje ukuba afike uthe "Yibani 
nihamba!" Wathath' iseko.  Walithath' eli seko waligibisela phaya phandle 
abaleka amagongqongqo.  Asukela elaa seko afika alinqakula.  Babaleka baphuma 
yena seleshiyekile waphuma wahamba ke ngoku.  Bafika ekhaya ebusuku kulelwe.  
Bathi besakufika ngoku ekhaya bangena ebuhlanti ababisaya phaya ethontweni beza 
ebuhlanti bafika bathatha eli bhayi  likaSikhuluma  balaneka ebuhlanti lagqiba 
ukuhlanti bonke eli bhayi.  Balala ngaphantsi abakhwetha.   Waphum' umntu 
ekuseni ukuba kusisa ngoms' obomvu waphuma waya kuchama.  Waba ngathi wathi 
 yho ! nasi isilwanyana ekhaya apha.  Wabaleka waya kutsho endlwini.  Yaphuma 
indoda yasekhaya apha.  Tyhini nasi isilwanyana.   Baqokelelana ke abantu 
belali kweziwa kweziwa nemipu ukuba ukuze kukhahlelwe esi silwanyana.  Bala 
besenze abo chasi bephethe imikhonto beza kuhlaba abantu wazityhila 
 uSikhuluma .  Tyhini abakhwetha babuyile.   Bathathwa ke ngoku na kwaqhutyw' 
inkomo ngoku kwayiwa kugogwa kwatshiswa ithonto.  Baphuma abakhwetha.   Phela 
kwantsomi.    Kwathi ngelinye ixesha  uDyakalashe   noMvolufu  babona inqwelo ivela 
elwandle  ilayishe  iintlanzi.  Waze  uDyakalashe  wabaleka ngaphambili wafika 
walal' endleleni wangathi ufile.   Wafika umbhexeshi wathi "Yintoni le ilele 
apha?" Watsho wathath' intonga wayibetha wanyamezel'  uDyakalashe  wangathi 
ufile.  Wathi " Ee  olu fele luya kwenza isikhaka esihle somfazi wam.  "Watsho 
wamthatha  uDyakalashe  wamphosa ngasemva aph' enqweleni inqwelo  ilayishe  
iintlanzi evela nazo elwandle.  Bafika ubusuku  uDyakalashe  wadiliza iintlanzi 
apha ngasemva enqweleni wazidilizela phantsi watsiba naye wehla akubon' ukuba 
zanele ngoku.  Waqhuba yen' umbhexeshi wahamba.   Kwasa kusasa waza  uMvolofu  
wafik'  uDyakalashe  enesidlo esikhulu sezi ntlanzi azibe enqweleni.  Wathi 
"Uzifumene phi ezi ntlanzi zintle kangaka mfondini? Ndiphe nam nditye. "  
Wathi  uDyakalashe  "Ukuba ungathi xa ubona laa nqwelo ivela elwandle  elayishe  
iintlanzi uzifise njengam nje unyamezele nob' uyabethwa ungafuman' intw' 
eninzi yeentlanzi. " Okwenene wabaleka akubona le nqwelo  uMvolofu  wabaleka 
wajika ngaphambili wazilalisa walala.  Wafik' umbhexeshi wathi "Yintoni le nt' 
imbi kangakanana? Watsho wayibetha ngentonga wayibhuqa ngentonga wavuka 
akabinakunyamezel'  uMvolofu  wabaleka.  Wamhlek'  uDyakalashe  wathi "Usisidenge 
usisidenge wena segwala.  Kutheni unganyamezeli nje?" Phela ntsomi.    Ithi 
intsomi.   Emzini kwazekwa umtshakazi.  Wazekwa ekhay' apha kukh' ixhego 
uyisezala.  Wath' uyisezala noko umtshakazana akahamb' emini uhamb' ebusuku 
nguSihambangenyanga.   Wathi ke ngoku lo mtshakazi wal' emini eli xhego 
aliboni lathi "Mtshakazi ndiph' amanzi.  "Wath' umtshakazi lihleli 
ngasebuhlanti exhego wath' umtshakazi ebantwaneni "Yikhani nis' amanzi kubawo. 
"  Wawathath' umntwana amanzi intwanazana.  Ungumdlezana ke lo mtshakazi 
ngoku.  Wawathath' umntwana wawasa amanzi.  Lawathatha ixhego lawachitha 
phaya.   Owu  wathi "Amanzi mtshakazi" Wathi mawasiwe lawathatha ixhego 
lawachitha lathi "Amanzi mtshakazi. "   O  wasuka lo mtshakazi walila walila 
wathi "Ndiza kuyithini na le nto ndingahambi nje emini ndihamba ebusuku. " 
Hayi uyise wafun' amanzi.   Wesuk umtshakazi  wabheka  emlanjeni.  Wafik' 
emlanjeni wakhelelela  ngesikotile  satshona wakha  nge-emela  yatshona wakha 
ngezandla zatshona watshona  minyele  emlanjeni.   Walil' umntwana phaya ekhaya. 
 Walil' umntwana efun' unina ngoku.  Kwabonakala ukuba ilanga liyajika akakho 
umtshakazi.  Kwathiwa makaye kukhangelwa emlanjeni.  Kwayiwa kukhangelwa 
umtshakazi.  Kwafikwa engekho.  Walila. Yamthuthuzela le ntombazana umntwana.   
Wafik'unyana wabuza.  Kwathiwa usiwe ngutata wathi makaye kukha amanzi 
emlanjeni.  Kwahlaliwa apha walila lo mntwana.  Wahamba lo mntwana nalo 
mntwana wabhek' emlanjeni.  Wahamba embelekile emthuthuzela emkhelela 
izaphepha.  Wathi  Umntwan' akho uyalila Sihambangenyanga Umntwan' akho 
uyalila Sihambangenyanga Wenziwe ngabom  Wavela wamthatha wamncancisa 
wamncancisa wamncancisa umntwana apha wancanca umntwana apho.  Wabuya 
wamkhelela izaphepha wahamba waya kufika ekhaya.   Kwathiwa "Umenze ngantoni 
na?" Wathi ke yena "Hayi ndimthuthuzele ndimkhelele izaphepha. " Wahlala.  
Kwalalwa engekho umdlezana.   Kwaphinde kwasa kusasa umntwana elila waphinda 
wamthuthuzela  wabheka  emlanjeni waphinda wavela umdlezana wamncancisa wathi 
"Ungandixeli ndakubetha ukuba ukhe wandixela apha. "  Wahamba ke umntwana 
wamkhelela izaphepha wafika ekhaya.  Wabuzwa umntwana ekhaya ngoku.  Wathi 
umntu "Lo mntwana umtyisa ntoni le nto lo mntwana ethuleyo?" Wathi ke yena 
"Hayi uvelile unina. " Uthi umntu "Wenza ngantoni?" Wathi "Ndiyombela ndithi 
umntwana wakho uyalila Sihambangenyanga.  Athi ke yena ndenziwe ngabom 
Sidendelekwana.  Amncancise amncancise athi' Uzungandixeli uze umkhelele 
izaphepha. "  Kwathathwa ke ngoku kwayiwa ke ngoku emlanjeni kwathathwa 
amadoda ukuba makabheke emlanjeni aye kumthatha.   Kwafikwa kwalalelwa 
nentambo apha wathetha lo mntwana  Umntwan' akho uyalila Sihambangenyanga 
Umntwan' akho uyalila Sihambangenyanga Wenziwe ngabom  Wavela.  Wath' ukuba 
avele wathi "Uya kumncancisa kwezo ntshwenca zakho undixele ngabom. "  Wathi 
qumbu emlanjeni watshona.  Walil' umntwana.  Wath' ukuba alile ngoku le 
mntwana wavela.  Wath' asakuvela yesuk' indoda  yamhaka  ngentambo emqaleni.  
Yamrhuqa.  Yathi isakumrhuqa sabuya isiziba salandela safun' ukubhek' ekhaya 
erhuqwa salandela isiziba sonke safika sathi yibathise enkundleni.  
Kwakhutshw' inkomo emdaka yanikwa isiziba semka nayo.  Sabuya umva sahamba 
saya kutshona.   Wahlala ke ngoku.  Waphuma ngoku wahamba emini lo mtshakazi.  
 Phela ngantsomi.    Kwathi ke kaloku ngantsomi  Yayiyindoda ityebile 
inabafazi ababini inabantwana inezicaka.  Bath' abanye abantwana baya kwalusa 
ngasentsimini yale ndoda ityebileyo.  Balambile baye belambile.  Kwafika 
umntwana wale ndoda.  Kuthiwa le ndoda igama layo  nguNtabatha .   Bath' 
abantwana "Silambile!" Wasuka lo mntwana  kaNtabatha  wakh' umbona izikhweb' 
ezithathu wakh' iimfe zantathu.  Wafik'  uNtabatha  besitya ezi zinto.  Wathi 
"Nguban' okhe aba mbona?"  Kwathi cwaka.  Wasuka lo mntwana wathi "Ndim!" 
Wathi "Ndilandele!" Wamlandela.  Wahamba naye ems' ezigebengeni.  Wahamba naye 
wahamba naye wadibana nabafazi namadoda.  Bathi"Umsa phi lo mntwana  Ntabatha ?" 
Wathi "Buzani emntwaneni andazi nto mna. " Wathi umntwana  Ndikhe mbona 
bathathu Ndikhe mfe zintathu Ndakhelel' abelus' beenkomo  zikaNtabatha  
Ndakhelel' abelus' beenkomo  zikaNtabatha .   Bathi "Hamba mntwana!"  Wahamba 
naye baya kufika.  Wathi engekafiki esesentla komzi kukh' izigebenga 
ezisecaleni kobuhlanti zibini.  Zathi "Uyawamsa phi na lo mtwana  Ntabatha ?" 
Wathi yena "Buzani emntwaneni andazi nto mna. " Wathi umntwana Ndikhe mbona 
bathathu Ndikhe mfe zintathu Ndakhelel' abelus' beenkomo  zikaNtabatha  
Ndakhelel' abelus' beenkomo  zikaNtabatha .   Zathi "Uthi uyawamsa phi na lo 
mntwana  Ntabatha ?" Wathi yena "Buzan' emntwaneni andazi nto mna. " Bathi 
"Ngen' aph' endlwini!" Wafika.  Wath' akungen' endlwini  uNtabatha  wabekw' 
eziko umntwana wabekwa ngasemnyango.  Kuzel' aph' endlwini zizigebenga zodwa 
ngabafazi nabantwana.  Kwathiwa "Uyawamsa phi lo mntwana  Ntabanta ?" Wathi 
"Buzani emntwaneni andazi nto mna. " Wathi umntwana Ndikhe mbona bathathu 
Ndikhe mfe zintathu Ndakhelel' abelus' beenkomo zika Ntabatha  Ndakhelel' 
abelus' beenkomo zika Ntabatha .   Wabulawa  uNtabatha  kwathiwa makahamb' 
umntwana.  Wahamb' umntwana waya kufika kowabo.  Wafika kowabo wabuzwa uyise 
ukuthi uphi na.  Wath' ubulewe.   Yaphel' intsomi. 
   Kuthiwa ke lalibalele 
ilanga.  Ngoku iinyamakazana zathi "Masenze indlela yokuba sibe namanzi sibe 
nendawo yokusela. " Zahlanganisana ke ukuze zenze ichibi lokusela.  Zathi 
zakuhlanganisana apho  uDyakalashe  zange eze yena.   Wathi "Andinakube 
ndiziqhumisela ngomhlaba ndimb'  idama  ndiza kusela amanzi apho ndithanda 
khon'ukusela. " Waba ngabizwa wathi akasoz'ez' apho  uDyakalashe .  Zemba ke 
izilwanyana zonke.  Zemb' apha zaligqib'  idama  zalilungisa.   Ngoku 
kwafumaniseka ukuba kukho silo simane sisiz' apha kufikw' amanzi edungekile 
qho.  Kwathunyelwa inyamazana ekuthiwa yiNkalimevana kwathiwa mayiye 
kukhangela ukuba ngubani lo uman' edung' amanzi phaya.  Yabona ukuba kanti 
 nguDyakalashe  uthi ngexesha elithile aye afike asele akugqib' ukusela aqubhe 
phaya echibini.  Hayi ke yaya kuxel' iNkalimevana.   Kwathunyelwa ke esinye 
 isilo  ukuba siye kumbamb'  uDyakalashe  afike phaya aqubhe aqubhe athi  "Ha ha  
ha ! Uthunyelw' ukuba uzondibamba! Ungubani wena?" Hayi aphind' asuk' abaleke 
emke.   Ngoku kwaphindwa kwahlanganiswana ziinyamazana kwathethwa "Ngubani 
onosiyela ambamb'  uDyakalashe ?"  Lwathi uFudo "Ndingaya. " Kuthiwe 
"Ulurhoqololo olunje uza kumbamba njani  uDyakalashe ?" Uthe "Ndiza kuya ndiza 
kumbamb'  uDyakalashe . "  Lwafik' uFudo phaya phantsi kwamatye ezixhotyeni 
phaya emanzini lwafika lwahlala.  Kukh' ilitye ke phaya phezu kwesizib' esi.  
Lwahlala kulo lwahlala apha lwaman' etshona.  Lwahlal' apha phantsi kwalo.   
Wafik'  uDyakalashe  waqubha waqubha waqubha wagqiba wagcakamel' ilanga.  
Waphinda wangena waqubha.  Uthe engena kwelinye ixesha lwambamb' uFudo Lwathi 
"Yizani ndimbambile!"  Zez' iinyamakazi zambamb'  uDyakalashe  zamboph' izandla 
neenyawo kwayiwa naye emthini eza kubotshelelw' emthini eza kubotshelelw' 
apha.  Wabotshelelwa.  Akugqib' ukubotshelelwa washiywa njalo  kwagadisw'  eny' 
inyamakazana kwathiwa  mayimgade  kuyiwa kuthezwa kuza kubaswa atshiswe apho 
emthini.   Le nyamakazana liXhwili.  Ngoku lihleli  ligadile .   UDyakalashe  
wahlala wahlala wahlala phaya labuz' iXhwili " He   Dyakalashe  kunjani apho 
phezulu?"  UDyakalashe  kwangoko wakhawuleza wacing' icebo akaliphendul' iXhwili 
wajiwuza mfondini wathi "Jingi! Jingi! Jingi!" uyajiwuza phaya 
phezulu. " Lathi  "He  Dyakalashe  kunjan' apho phezulu?" Jinga! Jinga! 
uyajiwuza.  " He  Dyakalashe  ndiyathetha nawe. " Uthi "Hayi andinaxesha lokube 
ndithetha nawe ndisiva ubumnandi obungaka .  Kumnandi apha phezulu.  Akuboni 
ndingafuni nokuthetha.  Jingi! Jingi!" "Heyi! Khawundikhwelise nam.  
Ndifuna khe ndijinge ngathi ujinga. . . . . " Uthi "Andifuni nokuthetha! Jingi!"
 Uthi  "He  Dyakalashe  khawundikhwelise!" Uthi "Ndikhulule kaloku. " 
Lakhwel' iXhwili lafika lamkhulula.  Walibophelel'  uDyakalashe  phaya phezulu.  
Waqinisa wehla waya kukh' uswazi walibetha walibetha laxweba wemka.  Wathi 
"Hlal' apho sidengendini. "  Zabuy' iinyamakazi ezinye.  Zithi zakuthi xa 
sezibasel' umlilo zeza kule nto zithi zakuthi thi tyhini liXhwili apha.  
Lakhal' iXhwili lathi "Hayi ndibotshelelw' ngu Dyakalashe  wandishiya. " 
"Bekutheni?" Lachaza ke into ibihlile.  Phela phela ngantsomi.
   Yangamantombazana amabini intombazana encinci nendala.  Bahamba baya 
kwadadebonina.  Bahamba bahamba bayakufika.  Bafika kukho uMlenzanamnye.  
Wafika wathi uMlenzanamnye "udadeboyihlo utya abantu. "Bathi mabahambe 
bagoduke.  Wathi "Hayi sanukugoduka uza kuniva ngevumba anityele apha 
endleleni. " Bahlala.  Wathi "Zeniningavumi ukubamba izandla. " Bavuma.   Ee  
wathi "Niza kuva xa azayo kuza kuvuthuza umoya. "  Bahlala bahlala bahlala  ee  
kwesuka ke ngoku kwaza umoya omkhulu.  Wafika wathi engekangeni emnyango wathi 
" Ee .  kunuka kamnandi endlwini apha. " Wahlala wahlala wahlala wangena 
wabulisa ayavuma le incinci yabamb' isandla le indala.  Wabeka umntu ofileyo 
nenyama yembila.  Kwaphekwa apha.  Yaphekwa yavuthwa.  UMlenzanamnye wanikwa 
le yembila wathi udadeboyise waba bantwana "Yizani kutya kule yam. "  Yaya le 
indala ayavuma le incinci yaya kutya kule yembila.  Bayitya bayigqiba.  
Bahlala kwahlwa balala.  Kwala ebusuku beva into ethi  "Cwasha cwasha !" Yathi 
le ntombazana incinci  "Hm  kukh' intakumba endlwini apha!"  Ee  wahamba ngomsindo 
wafika wazijula elukhukweni wamphosa ngombhaco wathi "Kukh' intakumba kakade 
ekhay' apha?"  Ee  wahlala waphinda weva ngento seyisithi " Cwasha cwasha !" Wathi 
" Hm  kukho neencukuthu. "  Ee  wamphosela ngotoLiwe wathi "Kukh' incukuthu kakade 
ekhay' apha?"  Ee  wahlala wahlala kwaphinda kwathi " Cwasha chwasha !" Yathi le 
ntombazana incinci " Owu  zitya mna ndedwa nkosi. "  Ee  waphosela ngetyuwa waya 
kuzijula ngomsindo elukhukweni.  Wathi "Kukho iintakumba kakade ekhay' apha? 
 Usile  ntwanazanandini. "   Ee  walala kwakhala yonk' into  neemoto  neenkuku.  
Bahlala bahlala.   Kwala ebusuku wabavusa uMlenzanamnye wathi mabahambe.  Le 
incinci yavusa le indala.   Ee  bafolisa amatye kulaa ndawo bebelele kuyo 
bafolisa amatye bawambathisa ngebhayi.  Bemka.    Ee  yavuka Le nto yathi 
" Cwasha cwasha !" Yatsho yavela yatsho elityeni.  Wagoba  ubhushu .   Ee  yamlola 
yamlola yathi "Kodwa ndiza kubafumana nokuba sebephi. " Yamlola yamlola 
wabukhali  ubhushu .   Ee  yabaleka emveni kwezi ntombi.   Babona ngothuli aba 
bantwana  ee  yathi le incinci "Masombele ingoma yakhe. " Yathe le indala 
"Ithini?" Yathi "Udengiswa yile nto utye inyama yomntu. "  Ee  yombela le 
incinci yahlabela le incinci Wavela udadebobawo Uza kusigebenga udadebobawo  
 Ee  yajika ngomva le nto yathi Hayi abantwana bomnakwethu Hayi abantwana 
bomnakwethu  Yaya kuqabuka endlwini yayo.   Ee  yaphinda yaphathelelela yathi 
" Ee  bandilalisile. "  Ee  yaphinda yahamba yabaleka yabaleka.   Aba bantwana 
babona umthi bakhwela.  Yafika ngokulo mthi yegqitha yaya kutshona ngakweliya 
cala yaphinda yabuya yababona emthini.  Yagawula yagawula.  Wathi umthi xa 
uthi tlitli yagqitha intengu yathi Rhiwu! Ntengu ntengu macetyana Kazi 
abantwana babantu benze ntoni na? Yima mthi uthi gomololo  Wema umthi wanje.  
Wayileqa akayifumana.   Ee  waphinda wagawula wagawula.  Wathi umthi xa uthi 
tlitli yaphinda integu Rhiwu! Ntengu ntengu macetyana Kazi abantwana babantu 
benze ntoni na? Yima mthi uthi gomololo  Wema umthi gomololo. Wayileqa 
wayigibisela wafumana usiba walutya.   Ee  waphinda wagawula wagawula.  Wala 
umthi xa uthi tlitli yafika le ntengu yathi Rhiwu! Ntengu ntengu macetyana 
Kazi abantwana babantu benze ntoni na? Yima mthi uthi gomololo  Wema umthi 
gomololo.  Wayileqa wayibamba.  Wayijongisa phezulu kwaba bantwana wathi 
"Jongani ndilifumeme elo thembathembana lenu benithembele ngalo. "   Ee  
bamemeza izinja aba bantwana zakowabo.  Zingangamathole zakhululwa.  Zafika 
zamtya zamtya zabelana ngaye.   Bohlika aba bantwana bahamba.  Phela phela 
ngantsomi.
Iinyamakazana zashiya ukutya kunye nempunzazana.  Ngoku ke 
iinyamakazi zashiya impunzazana zahamba zaya kuzingela.  Ngoku ke kwafika 
inkalimevana yathi "Ndityobe.  Ngoku impuzanzana yalala.  Ngokuna ke 
inkalimevana yaya kutya okuyaa kutya.  Yathi isakugqiba yahamba.   Ngokuna 
yothuka impunzazana yathi yona " Owu ! Kuphi na ukutya kweenyamakazana?" ngoku ke 
yahamba ilila yahamba yaya kuma entabeni yathi Ukutya kweenyamakazana zonke 
zomhlaba Kutyiwe yiNkalimevana Ndithe ukusuka ndalala Ndalal' ubuthogo bemini 
Buthongo bemini bumnandi  Zathi zona iinyamakazana "Phinda asiva ngumoya!" 
Yathi yona Ukutya kweenyamakazana zonke zomhlaba Kutyiwe yiNkalimevana Ndithe 
ukusuka ndalala Ndalal' ubuthonga bemini Buthongo bemini bumnandi   Ee  zaza 
iinyamakazana zeza zibaleka.  Zafika zathi "Kuphi okwaa kutya Mpunzazana?" 
Yathi impunzazana "Ngokuna kufike inkalimevana yathi mandiyityobe ngoku 
ndalala yakutya oko kutya yakugqiba. "  Zathi ke zona zayithatha ke yona 
zayixhela zayipheka zayitya.  Ngokuna zaphinda zashiya enye inyamakazana apha 
kuzo zaphinda zahamba zaya kuzingela.   Yaphinda yafika inkalimevana yafika 
yathi "Masityobatyobane nyamakazana. " Yavuma.  Yaphinda yatyoba inkalimevana 
yatyoba inyamakazana yayityoba yayityoba.  Ngoku yaphinda inyamakazana yalala. 
 Ngoku yaphinda yatya okuyaa kutya yakugqiba.  Yaphida yahamba.   Yathi 
isakuhamba yothuka inyamakazi yaba ngathi yho! inkalimevana ukutya ikutyile! 
Yaphinda yatya okuyaa kutya yakugqiba.  Yaphinda yahamba.   Yathi isakuhamba 
yothuka inyamakazi yaba ngathi yho! inkalimevana ukutya ukutyile! Yaphinda 
yaya kuma entabeni yathi Ukutya kweenyamakazana zonke zomhlaba Kutyiwe 
yiNkalimevana Ndithe ukusuka ndalala Ndalal' ubuthongo bemini Buthongo bemini 
bumnandi   Ee  zathi zona " Hlikela  asiva ngomoya!" Yaphinda yathi Ukutya 
kweenyamakazana zonke zomhlaba Kutyiwe yiNkalimevana Ndithe ukusuka ndalala 
Ndala' ubuthongo bemini Buthongo bemini bumnandi   Ee  zaphinda zeza zaphinda 
azabuya zathi zona "kutyiwe yinkalimevana?"  Ee  zayiphinda zayipheka zaphinda 
zatya.  Ngokuna zaphinda zashiya enye zaphinda zahamba zaya kuzingela.   
Yaphinda yafika inkalimevana.  Yaphinda yathi "Masityobatyobane nyamakazana. " 
 Ee  yavuma inyamakazana batyobatyobana batyobatyobana ayalala inyamakazi yathi 
ke ngoku "Masize kuwe ke ngoku. "  Ee  yavuma inkalimevana yalala inkalimevana 
 ee  yatshixa endlwini yaphinda yahamba yaya kuthi Ukutya kweenyamakazana zonke 
zomhlaba Kutyiwe yiNkalimevana Ndithe ukusuka ndalala Ndala' ubuthongo bemini 
Buthongo bemini bumnandi   Ee  zeza  ee  zafika.  Tyhini yiyo le lenkalemivana  ee  
zayixhela zayitya.  Zathi zakuyigqiba ke ngoku yaphela intsomi.    Kwathi ke 
kaloku ngantsomi.   YayinguNomngozana namanye amantombazana aya kutheza.  
Ahamba la mantombazana afike atheza atheza athi "Nongozana masiye phaya 
ngaseliweni. " Baya.  Asuka atyhiliz' uNongozana waya kutsho ezantsi.  Athath' 
ezakh' iinkuni abekelela agqitha kulo Nongozana.  Kwathiwa uye phi na 
uNongozana? Athi ke wona "Hayi besimshiy' ebekelela! Hayi ke bahamba.  Wesuk' 
uNongozana waya kuthi ngcu emthini.  Kwakho indod' egawulayo.  Wath' 
uNongozana Mfo mf' ogawul' amahlahla Mfo mf' ogawul' amahlahla Uzundibulisele 
kumama notata Uzuxel' uNongozan' ufel' emaweni MntakaNongote  he ! 
mntakaNongote! Lo mntana ndiphelele mntaka Nongote! Mfo mf' ogawul' amahlahla 
Mfo mf' ogawul' amahlahla Uzundibulisele kumama notata Uzuxel' uNongozan' 
ufel' emaweni MntakaNongote  he ! mmntakaNongote!   Ee  yathi le ndoda 
"Khawuphinde mntwan' am Mfo mf' ogawul' amahlahla Mfo mf' ogawul' amahlahla 
Uzundibulisele kumama notata Uzuxel' uNongozan' ufel' emaweni MntakaNongote 
 he ! mntakaNongote! Lo mntana ndiphelele mntaka Nongote!   Ee  yahamba le ndoda 
yaya kubiz' uyise nonina.  Bafika bathi "Khawuphinde mntananam!" Mfo mf' 
ogawul' amahlahla Mfo mf' ogawul' amahlahla Uzundibulisele kumama notata 
Uzuxel' uNongozan' ufel' emaweni MntakaNongote  he ! mntakaNongote! Lo mntana 
ndiphelele mntaka Nongote!  Bahamba.  Ahamb' amadoda amabini enyuk' aya phaya 
kuye emthini.  Athi "Hayi khawuphinde!" Mfo mf' ogawul' mahlahla Mfo mf' 
ogawul' amahlahla Uzondibulesele kumama notata Uzuxel' uNongozan' ufel' 
emaweni MntakaNongote  he ! mntakaNongote! Lo mntana ndiphelele mntaka Nongote!  
Bada baya kufika kuye bambamba behla naye.  Bathi "Nongozana!" Akathetha.  
Bathi "Nongozana!" Akathetha.   Bahamba bamsa ezindaweni ezinamayeza.  
Kwathiwa "Nongozana kwakutheni?" Wathi "Ndandityhilizwe ngabanye. "  Ngoku 
kwatshisw' imizi yaloo mantombazana.  Phela phela ngantsomi. 
   Kwathi ke 
kaloku ngantsomi.   Abantwan' ababini abaziinkedama inkwenkwe nentombi 
beshiywe ngunina noyise.  Wathi lo uyinkwenkwe "Ndifun' ukwaluka dadewethu. " 
Wavuma ke omnye wabhekisa kwaba bantu bakhoyo.  Bamakhela ke indlu waluka.  
Kwahlaleka ke . Wathi "Ndifun' ukuphuma.  Andifuni kuphuma ngengubo ethengw' 
 evenkileni .  Ndifun' ukuphuma ngengubo yesilwanyana. "  Wathi udadewabo  "Owu  
ndiza kuyithini mntakabawo le nto.  Ndakusithathaph' isilwanyana?" 
Wathi"Andinakho konke  tu  ukuphuma ngaphandle kokuba ndifumane ingubo 
yesilwanyana esingaziwa mntu. " Walila udadewabo wagoduka wenz' izigezenga 
wabhinq' iqhiya waboph' ezinye ngeqhiya wahamba wemka udadewabo waya kufik' 
esizibeni sokuqala emlanjeni omkhulu wathi  "Nabulele nabulele phum' unditye 
mna phum' unditye mna Nezo zonka mna nezo zonka mna"  Gqi ixhegwazana " Yhu yhu  
 yhu  mntwanam zange sibizwe eso silwanyana silapha nje yiloo nto.  Gqithela 
ngaphambili.  Uya kusibon' isizib' oya kufika kuso eya kuthi' ivele kuso.  
Kwakuqala kuvel' amanz' amdaka kuvel' amanz' aluhlaza kuvel' amanz' abomvu" 
Yegqitha le ntombazana.  Yaya kuthi thu kwesinye isiziba.  Yath' isekude  
"Nabulele nabulele phum' unditye mna phum' uditye mna Nezo zonka mna nezo 
zonka mna. "  Gqi eliny' ixhegokazi " Yho yho  yho  mntanam asizange sibizw' eso 
silwanyana.  Silapha nje yiloo nto.  Gqithela ngaphambili. " Yahamba le 
ntombazana iphethe ezi zigezenga yaya kufika kwesi siziba yabiz' isekude  
"Nabulele nabulele phum' unditye mna phum' unditye mna Nezo zonka mna nezo 
zonka mna. "  Kwewu anqikek' amanzi.  Phelekethu kwavel' amaz' amdaka 
phelekethu kwavel' amanz' aluhlaza phelekethu kwavel' amanz' abomvu zavel' 
iimpondo.  Yabuy' umva le ntombazana.  Yabuy' umva aye laa maxhegwazana 
selethe thu kwezaa ziziba zithathu ejong esi simanga.  Yaphum' inabulele 
basukelana basukelana nale ntombazana.  Im' inabulele iyibize le ntombazana  
"Nabulele nabulele phum' unditye mna phum' unditye mna Nezo zonka mna nezo 
zonka mna. "  Kwewu iphind' ibe nomsindo iphathe khona isukele.  Baya 
kugalelek' ekhaya ethontweni lalo mkhwetha.  Bafika sekuzele ngamadoda isiza 
nale nabulele le ntombazana.  Yadutyulwa yabulawa yahlinzwa.  Kwathathw' ufele 
lwenabulele kwakhutshwa le nkwenkwe ibisithi afuna yambathe le ngubo 
yenabulele.  Wath' ephumileyo emnyango " Yhu ! Yintomi le isenkundleni? Sakhe 
sez' ekhay' esi silwanyana?" Sasiqala ukubonwa kwaqokelelwan' elalini kwathiwa 
ke "Lo mntwana umiselwa okokuba amele ubukhosi abe yinkosi yinkosi ngenxa 
yengubo yesilwanyana. " Pheli pheli ngantsomi.
    Kwathi ke kaloku ngantsomi. 
 Yayingumfazi nendoda bazala abantwana ababini.  Aba bantwana bathi bafun' 
ukubheka kulo nina.  Bahamba bafika.  Bafika kukho uNomlenzanamnye.  Wathi 
uNomlenzanamnye "Udade boyihlo wenu uty' abantu. " Bafika bahlala.  Wathi 
"Zeningabulisi kuye ngesandla.  Uya kunitya. " Wabulisa omdala.  Wamkrunqula 
ingalo wayitya.  Balala ke ngoku.   Kwala ebusuku  wacotsha  wafun' ukubatya.  
Wathi omcinci "Tyhu! Iintakumba zikadadobawo ziyaluma. "  Ee  wathi "Yandlala 
nalu olunye ugaga.  Yandlala nalu ugaga. " Wandlala.  Waphinda wathi "Tyhu! 
iintakumba zikadadobawo ziyaluma.  Waphinda wathi "Yandlala nalu ugaga.  
Yandlala nalu uGaga. "  Ee  waphinda wandlala.  Salala esi sixabeli.  Bavuk' 
ekuseni bahamba.  Bafika bakhwel' emthini omkhulu osecaleni kwechibi.    Ee  
sez' esi sixabela safika safika bekhwele.   Ee  sagawula kulo mthi sagawula 
sagawula sagawula.  Kwafik' intaka yathi "Kazi benze ntoni na abantwana 
bakadadobawo. "  Ee  yaphinda yagawula le nto yagawula yagawula.  Yathi intaka 
"Uqine mthi uthi gomololo. "  Ee  waqina umthi.   Ee  saphinda sagawula isixabela. 
 Yathi le ntaka  La manz' akaselwa ngantshontsho ngantshontsho Ngawentak' 
ezinkulu ngantshontsho ngantshontsho Ndiyintak' elo chibi ngantshontsho 
ngantshontsho   Ee  sathi "Andizi kungaseli ndiyintokazi engaka nje. "  Ee  sasela 
sakruncuk' ingalo.   Yaphinda le ntaka yathi  La manz' akaselwa ngantshontsho 
ngantshontsho Ngawentak' ezinkulu ngantshontsho ngantshontsho Ndiyintak' elo 
chibi gantshontsho gantshontsho  Yathi le nto "Andizi kungaseli ndiyintokazi 
engaka nje. " Yasela yakruncuk' eny' ingalo.   Yaphinda le ntaka yathi  La 
manz' akaselwa gantshontsho gantshontsho Ngawentak' ezinkulu gantshontsho 
gantshontsho Ndiyintak' elo chibi gantshontsho gantshontsho  Yathi le nto 
"andizi kugaseli ndiyintokazi engaka nje. " Yasela yakruncuk' eny' ingalo.   
Yathi le nto "Andizi kungaseli ndiyintokazi engaka nje. " Yasela yakruncuk' 
umlenze.    Ee  bhukule  bhukule  yagen' emanzini.  Behlik' abantwana bagoduka.   
Pheli pheli ngantsomi.   
 Yathi intsomi.   Iinyamakazana zonke zomhlaba zalima 
zahlakula zagqiba ke ngoku zay' emahlathini.  Zal' ethubeni zathi zakuthi ikho 
laa ndlwana yakhiweyo phaya.  Kwathiwa "Hamba Hlanganyana uyokubuza laa nto 
iphaya. " wahamba waya kufika.  Wathi "Ithe inkosi mandizobuza ukuba ngubani 
na lo ulapha kule ntsimi sayilimalimayo sayihlakuhlakula sayibhekisa phezulu?" 
"Hamb' othi ndim bo ndim bo.  Ndomthatha ndimthi qwa ndimbeke kule ndawo 
ngaphezulu. " Tha tha tha wagoduka.  Lwath' uFudo "Hi bethuni khanitsho kuye 
mna phaya. " "Suka uyacotha! Khawuye  Mvolofu . " Waya  uMvolofu `.  "Ithi inkosi 
mandizobuz' ukuba ngubani na lo ukule ntsimi sayilimayo sayihlakuhlakula 
sayibhekisa phezulu?" "Hamb' othi ndim bo ndim bo.  Ndomthatha ndimthiqwa 
ndimbeke kule ndawo ngaphezulu. " Wabaleka. Waya erhoqoza uFudwana esiya.  
Waya kufika  "Ithi inkosi mandizobuza ukuba ngubani lo ukule ntsimi sayilimayo 
sayihlakuhlakula sayibhekisa phezulu?" "Hamb' othi ndim bo ndim bo .  
Ndomthatha ndimthi qwa ndimbeke kule ndawo ngaphezulu. " "He wethu ndithi ithi 
inkosi mandizobuz' ukuba ngubani na lo ukule ntsimi sayilimalimayo 
sayihlakuhlakula sayibhekisa phezulu?" "Yithi Ndim Fudwana torho!" "He wethu 
ithi inkosi mandizobuz' ukuba ngubani mna lo ukule ntsimi sayilima kuyo 
sayihlakuhlakula sayibhekisa phezulu?" "Hamb' othi Ndim Fudwana!" Wasondel' 
uFudwana wamthandela wamthi gintye.  Wayesik' uFudwana.  Wayesikelela 
wayesikelela loo nyama ithe dudlu wagqiba.  Amalwimi waso asixhenxe.  
Wawasithika lalwimi onke yabe ifile yona le nto.   Waya kufik' uFudwana 
erhoqolozela naloo nto yokuba la malwimi ewasikile osixhenxe ewaphethe.  Wathi 
uHlanganyana nguye lo uyibuleleyo esike zizikhondo ezi zamalwimi yena waya 
kufika nazo.  Wafika phaya wavez' izikhondo wathi "Ndiyibulele. "  Uthe 
akuvelis' izikhondo wathi uFudwana makukhe kuveliswe iincakam zamalwini 
kwafumaneka inguFudwana lo usibuleleyo esi silwanyana.  Iincakam zamalwimi esi 
silwanyana zikuFudwana.  Uhlanganyana lo yena ufumen' izikhondo.   Ndabe 
ndiyabuya kwelo zwe.    Kwathi ke kaloku ngantsomi.   UMalijiya notata wakhe 
wathi utata kaMalijiya "Mntanam Malijiya ndiza kufa ngoku.  Uzuthathe yonke 
imfuyo yam uyozifunela inxiwa aph' uyoma khona.  Ke uzungahambi kule ndlela 
ingaphantsi uhambe kwengaphezulu. "Wavuma uMalijiya wahamba.   Wathatha yonke 
le mfuyo wayiqhuba.  Uthe akufika kule ndlela ingaphantsi wabon' ukuba uyoyika 
waqabela wahamba kwengentla.  Wafika kule ingentla indlela kwathi gqi 
isigebenga apho.  Sithe ukuba simbone esisigebenga sabuz' ukuba "Ungubani na 
igama?" Wathi "NdinguMalijiya. " Sathi "Khawubule Malijiya. " Wath' uMalijiya 
Ndiya kubulabula ndithini Malijiya Kule ndlel' ingaphantsi apha bendisoyika 
Ngezi nkomo zikabawo ndala nazo Ngala mahashe kabawo ndala nawo Ngezi zinja 
zikabawo ndala nazo Ngezi nkuku zikabawo thatha nazo!   Ee  sazitya esi 
sigebenga ezi nkuku sazitya! Saphinda sathi " Kwawubule  Malijiya. " Wathi 
uMalijiya Ndiya kubulabula ndithini Malijiya Kule ndlel' ingaphantsi apha 
bendisoyika Ngezi nkomo zikabawo ndala nazo Ngala mahashe kabawo ndala nawo 
Ngezi zinja zikabawo ndala nazo Ngala makiwu kabawo thatha nango!   Ee  sawatha 
la makiw' esi sigebenga.  Saphinda sathi " Khawubule  Malijiya. " Ndiya 
 kubulabula  ndithini Malijiya Kule ndlel' ingaphantsi apha bendisoyika Ngezi 
nkomo zikabawo ndala nazo Ngala mahashe kabawo ndala nawo  Ngezi zinja zikabawo 
ndala nazo  Ngezi  donki  zikabawo thatha nazo!   Ee  sazitya ezi  donki  esi 
sigebenga.  Saphinda sathi " Khawubule  Malijiya. " Ndiya  kubulabula  ndithini 
Malijiya Kule ndlel' ingaphantsi apha bendisoyika Ngezi nkomo zikabawo ndala 
nazo Ngala mahashe kabawo ndala nawo Ngezi zinja zikabawo thatha nazo!   Ee  
izinja zasitya esi sigebenga zasitya zasibulala.  Kwowu kwaphuma zonke izinto 
nabant' esasibatyile bathi " Owu  saza salibon' ilanga" nezi  donki  zathi " Mho oo  
saza salibon' ilanga" yaziinkuku zathi "Kukuruku saza salibon' ilanga. "  Yabe 
iyaphela ke intsomi.    Umfazi wabhek' emasimini enomntwana.  Wathi xa 
akhuthulayo kwez' imfene.  Kwafik' imfene yathi "Saph' umntwana lowo. " 
Wayinika.  Yamthath' umntwana  yamnasa .  Lafik' ixesha lokuba makamncancise.   
"Nomfenana Nomfenana yini na Ndinik' umntwan' am ndincancise Ndibon' abany' 
abantu bencancisa. "  "Nanku" yamnika Wancancisa.  Yaphinda yemka wemka naye.  
Kwaphinda kwasa waza kukhuthula.  Yaphimd' imfene "Saph' umntwana lowo 
ndimncancise' wayinika.  Lemk' ilanga umntwan' akezi.   "Nomfenana Nomfenana 
yini na Ndinik' umntwan' am ndincancise Ndibon' abanye begoduka"  "Haamba!" 
Tyhini umfazi "Liyandishiy' ilanga" Wath' "Ungagoduka" Waphind' umfene 
seliyotshona engceni.  Way' umfazi  "Nomfenana Nomfenana yini na Ndinik' 
umntwan' am ndincancise Ndibon' abanye begoduka"  "Hamba!" Wancam' umfazi 
wagoduka wathath' ukhuni walubeleka waya kutsh' ekhaya walalis' ukhuni.  
Indoda "Umntwan' uphi?" "Nankuya!" Yay' indoda yaya kumtyhila.  Tyhini! 
Lukhuni.  "Uphi umntwana  Nobani?" "Hayi usemfeneni. " Yanduluk' indoda baya 
nomfazi  "Nomfenana Nomfenana yini na Ndinik' umntwan' am ndincancise Ndibon' 
abanye begoduka. "  "haamba!" Isezantsi ngoku emlanjeni.  Yaya kuhlala 
ngasentla indoda wangezantsi umfazi.   "Nomfenana Nomfenana yini na Ndinik' 
umntwan' am ndincancise Ndibon' abanye begoduka. "  Yenyuk' imfene 
yamhluth'indoda umntwana.  Phela ngantsomi ke.   Kwathi ke kaloku ngantsomi.   YanguSogebetshu noNombelengwana.  
UNombelengwana lo ke waye ngumfazi uSogebetshu eyindoda.  Ke ngoku ke bahamba 
baya kuhlakula. Bathi basakufika emasimini kwavela inyamakazi.  Wathi 
uNombelengwana "kuwe kuwe Sogebetshu!" Wathi uSogebetshu wayigibisela 
wayiphosa uNombelengwana wayigibisela yafa.  Yathi isakufa wathi "Hamba nayo 
ke Sondoda. " Wahamba nayo ke uSogebetshu.   Kwala ke ngoku endleleni wadibana 
nabantwana bathi " A ! Sogebetshu! Wathi "Ayiyoyam bantwana bam 
yekaNombelengwana. " Wathi kruntsu umlenze.   Wadibana namany' amadoda athi 
" A ! Sogebetshu!" Wathi "Ayiyoyam bafondini yekaNombelengwana. " Wathi kruntsu 
kwa umlenze.   Waphinda wahamba nayo.  Wala endleleni futhi waphinda wadibana 
namany' amadoda.  Athi " A 'Sogebetshu!" Wathi"Ayiyoyam bafondini 
yekaNombelengwana. " Wabanika yonke.   Wahamba ke ngoku waya kufik' ekhaya 
wafik' uNombelengwana wathi "Iphi laa nto Sondoda?" Wathi yena "Andithanga 
mfazi wam ndisakudibana nabantwana bathi  A ! Sogebetshu! ndathi ayiyoyam 
bantwana bam yekaNombelengwana ndathi kruntsu umlenze.  Ndaphinda ndahamba 
ndadibana namany' amadoda athi  A ! Sogebetshu! ndathi ayiyoyam bafondini 
yekaNombelengwana ndabanika yonke. " Wathi "Kwek! unani kakade ndodandini? 
Wathini?" Wathi "Hamba umke esi sidenge!"  Wahamba ke ngoku uSogebetshu.  esahamba wafika emzini wafika kukho ubusi.  Wathi ke ngonje ke obu busi 
wabunqika wabutya.  Wathi esakugqib' ukubutya wabucika.  Wathi xa abucikayo 
yathi ke ngonje le nto "Wandicika ngomcoko. " Waphinda wayinqika wathi 
esakuyinqika yathi "Wanditshisa ngelanga!" Wahamba.  Wathi yena xa ahambayo 
yathi rhutyu igolo yalithi chukru phantsi.  Kwathi hoyo! wakrazula ebhayini 
lakhe wathi khatha kuye ngaphantsi ukuba makungakhali.  Waza ke ngonje wathi 
njengokuba ehamba wahamba wahamba wabona ingwenye wakhwela emthini.  Wathi 
ngelaa xesha asaya emthini sathi bhungqu isiziba kwathi hoyo"! Waphinda 
wehla wacinga wathi asakuxinga ke ngoku na wehlika wahamba wagoduka.   Wathi 
asakube efikile ekhaya wahamba waya kusenga.  Wathi asakusenga kwathi qatha 
ingwenye wathi! umntwana "Ndachola ngengwenye. "Waphinda futhi wathi khath' 
esizibeni kwaphinda futhi kwathi hoyo! Wath' umfazi wakhe "Yintoni leyo 
ikhalayo Sogebetshu?" Wathi yena "Hayi asindim! Andithanga ngelaa xesha 
ubundigxotha apha ndafika emzini ndafika kukho ubusi obucikiweyo ndabunqika 
ndabutya.  Ndathi ndisakugqib' ukubutya bathi bona xa ndibucikayo ndibutshisa 
ngelanga.  Kwafika umnikazi wabo wathi yena Yintoni Sogebetshu? Ndathi mna 
Nditye ubusi.  Wathi yena  Tulusa  tulusa  ndikurhol' igolo.  Walirhola.  Ngoku 
ndahamba.  Ngoku ndithe ndisahamba ndabona iingwenye ndakhwela emthini 
ndazitya.  Ngoku ndahlika ndabuya.  Ngoku ke ndafika ekhaya kwathiwa mandiye 
kusenga ndasenga. " Wathi esasenga kwawa ingwenye.  Wath' umntwana "Ndachola 
ngengwenye! Ndachola ngengwenye!"  Wathi yen' uNombelengwana "Yintomi 
Sogebetshu?" Wathi yena "Andithanga ndatya ubusi bathi xa ndibusikayo 
ndibutyisa ngomcoko bathi xa ndibuvulayo ndibutshisa ngelanga. "  Wathi yena 
"Thatha thatha nants' igusha uyothat' elaa golo undikruqule Sogebetshu. "  
Ngoku ke wahamba nayo uSogebetshu le gusha waya kukhulula igolo lakhe.  Ngoku 
ke wabuya.  Wathi esakubuya ke yaphela intsomi. 
   Kwathi ke kaloku ngantsomi 
 yanguDyakalashe .  Wafika wafika ebantwaneni bodade wabo.  Wathi 
"Ndingakubelekela dade. " Wath' udade "Ewe ndingakholwa ngoba ndiyadinga 
andinampelesi apha. "  Ee  wesuka udade wayokupha.  Wesuk'  uDyakalashe  wagcin' 
abantwana.  Aba bantwana bane bakadade lo ngoba naye uyinyamakazi.  He waphek' 
omnye wambonda wamtya wabekela udade.  Wabuy udade.  Akaveli ke kwaba bantwana 
udade babonwa yimpelesi le yodwa.  Wamtya udade naye ethi ngumqa wethanga uthi 
ngumqa ogabada wephula.  Wath' omnye "Hayi kulungile. " Kufulelwa le ngca 
ngonje ibiyorhengqwa.  Sebephelile abantwana phu!  Ee  wamfulelisa wamfulelisa 
wamfulelisa wamqamangel' umsila. Kanti le untambo ajijela ngayo ujijela ngalo 
msila mde lo msila wale nto inabantwana.  Khangela! Wathi "Hayi ndiyehla dade 
sigqibile. " Waba ngathi waba ngathi umqamangele uwuqamangele umtshoba apha 
ngemva ufulele ngawo.  Wayesithi "Kwowu! Asidibananga yimbali ndibagqibile 
ubatyile nawe!" Wathi "Yhoo!" Ubiza abantu ukuba mabeze kumkhulula.  Kwez' 
abantu umbandla wazokhululwa.  Waba ngathi abakh' abantwana.  Kwathiwa bhazala 
emva ko Dyakalashe .  Wafik'  uDyakalashe  emlanjeni.  Wazibumba wazibumba 
wayimbokotwana engakanana.  Wafika kwanakantemekwana lo ngoku wathi "phaya 
ngapheshaya. " Umlambo uzele ke ngamanzi.   "Ngathi ingawela le mbokotho xa 
ndiyigibiseleyo. " Siki! Ngcu!  "Wandiweza! wathi  uDyakalashe  "wandiweza!" 
Wathi' omnye " Owu  yini khona ukuba ndigibisele isinyokonyela esigqibe 
abantwana bam. " Uyopha ke uman' ezikhotha unina wabantwana.  Wazikhotha unina 
wabantwana wancama.  Aba bantwana basesiswini.  Wabuya wahlala.  Wahamb' 
 uDyakalashe  ehamb' esenz' ezo zono zakhe ehamb' ebalilisa esitya nentshontsho 
lantoni nelantoni.   Phela kwantsomi ke.
    Kwathi kaloku ngantsomi.   
YanguSiboniwe igama lalo mntwana.  Unonina ke unina akazali.  Xa engazali 
uthatha amayeza ukuba makamithe. .  Uthuthelwa ngulo mntwana uSiboniwe 
uyinkwenkwe uman' ethuma yena ukuba aye kuthatha kulaa mzi athatha kuwo 
amayeza okuba makamithe.  Hayi ke lo mntwana weza nawo amayeza ngemini 
yokuqala.  Hayi walitya unina.  Laphinda laphel' iyeza waphinda wamthuma.  
Wala kule  gemu  yesibini wajika ecaleni endleleni wahlala phantsi watya eli 
yeza.   Ngokuna seletye eli yeza unina uyamitha unina umithi ngokuna.  Wamitha 
nalaa mntwana umthumela amayeza unguSiboniwe uyinkwenkwe.  Wamitha.  Apho 
amitha khona wakhulelwa unina.  Wazala. Yafik' imini yalaa mntwana kuthiwa 
NguSiboniwe.  Wazala naye wazala esezimpahleni eyalusa ke wazala 
esezimpahleni.  Wafun' indawo elilitye elithe gongxo wangena kulo wazala.  
Watsho umntwana oyinkwenkwe.  Uyasenga ke uqokelela iimpahla ke agoduke nazo 
afik' ekhaya asenge asenge asenge asenge athathe inkonkxa abeke apha 
ethangweni lobuhlanti aphathele laa mntwana wakhe amshiye phaya yedwa.   Hayi 
ke ayiqhube le nto eyenza apha uSiboniwe akabonwa ukuba umithi uzele.  
Uyiqhube le nto eyenza apha uSiboniwe eyiqhuba kuzokwala ngenye imini enabanye 
abantwana abolusayo ath' omnye umntwana "He mama!" Ath' unina "Hi?" "USiboniwe 
unomntwana. " Athi unina " Oo  uSiboniwe unomntwana amthathe phi?" "Unomntwana 
nyani mama.  Ungambona umntwanakhe mhle lusana yinkwenkwe.  Uzele phantsi 
kwelitye. " Athi unina "Hayi yeka. "  Athi asakubuya uSiboniwe ezimpahleni 
athathe olu bisi aye phaya.  Athi asakufika kulaa ndlu kuba olu cango lwale 
ndlu yakhe aluvuleki.  Luthi zeluvuleke athethe yena.  Athi asakufika athi  
Siboniwe sancama Siboniwe sancama Ndivuleleni ndingene Ndivaliwe ziintaba 
Zintaba zaselundini  Luvuleke ucango.  Angene ancancise ancancise umntwanakhe 
amtyise olu bisi. Aphinde avale afihle le toti atshayelele kuba esokusa.  
Aphinde aphathe olo bisi.  Kuzokwala kwalaa mntwana ubekhumbuze unina athi "Hi 
mama! USiboniwe unomntwana!" Athi yena "Kulungile zeniye kumba nize naye.  Xa 
abuyileyo yena zenihambe niye kumba laa mntwana kaSiboniwe. "  Okunene 
abantwana benza loo nto.  Beza naye.  Bafika ekhaya bamthi katha emkhobeni.   
Hayi uSiboniwe wasenga wasenga wasenga waya kulaa ndawo inomntwana wakhe.  
Wafika futhi  Siboniwe sancama Siboniwe sancama Ndivuleleni ndingene Ndivaliwe 
ziintaba Ziintaba zaselundini  Lungavuleki ucango.  Kuthi cwaka kubonakal' 
ukuba akekho.  Hayi ankale ankale ankale apha esitsho hayi lungavuleki.  
Aphinde  Siboniwe sancama Siboniwe sancama Ndivuleleni ndingene Ndivaliwe 
ziintaba Ziintaba zaselundini  Hayi kungavuleki aluthathe alutshove.  Luvuleke 
angangathi ukufika umntwana akekho.   Ee  athi ukugoduka ehamb' elila.  Afik' 
apha endlwini engacacanga.  Ahlal' apha entla kweziko.  Kuthiwe "Yini Siboniwe 
ulilela ntoni? Athi yena " Ee  ndikhe ndalila kakade? Ndityiwa ngumsi andilili. 
" Kuthiwe "Uyaxoka uyalila. " Athi "Hayi andilili. " Abethe lo mntwana ath' 
uyalila hayi umntwana akhale apha angxoliswe ngunina.  Kubekho into ethi  
Siboniwe sancama Siboniwe sancama Ndivuleleni ndingene Ndivalewe ziintaba 
Ziintaba zaselundini  Luvuleke ucango.  Akhale laa mntwana phaya kulaa mkhoba 
athi ng'we.   Ee  uSiboniwe atsibe amthi rhuthu kulaa mkhoba umntwana amthi nqi 
ukuza naye endlwini kunina.  Athi unina "Yini Siboniwe lo mntwana ngokabani? 
Athi yena "Hayi mama ngowam lo mntwana. "" "Wawumthatha phi?" "Ndathi kula 
mayeza ndandikuthuthela wona ndalirhalela ndalitya ndaza ndazala lo mntwana. " 
"Ungandixeleli nje Siboniwe?" "Ndiyoyika mama ndoyik' ukukuxelela.  Mthathe lo 
mntwana abe ngowakho mama!"  Hayi unina wamthatha wanabantwana ababini.  
Yangulo wakhe nalo kaSiboniwe.  Yayintombazana nale  tyhagi  kaSiboniwe 
inkwenkwe kaSiboniwe.   Hayi ke kwahlaleka ke ngoku babadala bakhula 
yayintombi nenkwenkwe bebadala.  Hayi ke iphelile intsomi.    Kwathi ke kaloku 
kwayintsomi.   Yemka inkwenkwe yaya kwalusa ekhaya.  Lo mhla ke  le nkwenkwe 
noko seyiyinkwenkwe eseyithe phalatyisi ngaba bantwana noko sebengabantwana 
asebebhadlile ayingomntwan' umncinci ngumntwana osele ebhadlile.  Wemka nezi 
nkomo.  Iinkomo ke noko zalo mzi ziliqela.  Zinenkab' enkulu ezi nkomo.  
Zahamba ke lo mntwana wayozityisa.  Ngokuna kanti umntwana ezityisa nje wathi 
ngokuhamba apha emirhotshothweni ngokubukela indawo enengca wahambisa 
ngesikhwama wazithoba wazithoba kanti ezithoba nje kule ndawo kuyindawo 
ekuhamba izixabela kuyo akayazi.   Wahamba wahamba wahamba iinkomo zahamba.  
Sekwala ngokuya zizayo phaya uthi yena umntwana uza kuzijika kanti sezimbonile 
zakhawuleza kwakhawulezela ukuba mazize kumjikela ngemva zithathe ezi nkomo.  
Zajikela ngaphambili waba ngathi umntwana  yho  selexakiwe.  Zazithatha zathi 
"Kwedini ubuph' apha kwedini ubuph' apha. " Wathi umntwana "Hayi ndizokwalusa. 
" "Kutheni usiza kwakusel' apha? Kwakh! usincedile!" Baziqhuba yashiywa apha 
le nkomo ayahamba.  Bahamba nazo bahamba nazo bahamba nazo zangathi ziyahamba 
zangathi ziyahamba zafika zema.   Tu  ke ngokuna ke xa kucac' ukuba zizakuba 
sendaweni ekubon' ukuba ziyaya kule ndawo ziya kuyo ziza kujika ziye ngakuyo 
zivuyela inyama ukuba ziza kutya inyama kuza kuxhelwa le nkomo.  Kuthiwa 
"Kanye kanye eyona nkomo siyifunayo sifuna le nkabi inkulu.  Kuyeka apho naye 
sizomtshaya ukuba akatheni siya kumtshayela le nto ukuba uyala. "  Was'ke 
wahamba yena umntwana wathi chu wayeka ezinye iinkomo zangena apha zatya.  
Zafika apha iinkomo zema.  Babangasuka besithini babangasuka besithini 
babangasuka besithini inkomo ayihambi.  Kwathiwa "Kwedin' itheni lo nkomo 
ingahambiyo? Yiqhube ngokwakho!" Bas'ke bajamela lo mntwana ngoku inkomo imile 
 tu .  Umntwana akayiqhuba yena was'ke wathi  Ntulube ha Ntubule ha Hamba 
kuyahanjwa ke Ntulube hamba kuyahanjwa ke Ntulube Akubon' ukuba zinqakul' apha 
ke Ntulube.   Yas'ke yakhuz' inkomo yahamba.  Yathi xa kuphi yema.  Bafuna ke 
ngokuna ukuya kulaa ndawo baza kuyixhelela kuyo.  Yaphinda yasala.  Kwathiwa 
"Thetha kwedini!" bengxamela lo mntwana.  Waphinda umntwana wathi  Ntulube ha 
Ntulube ha Hamba kuyahanjwa ke Ntulube hamba kuyahanjwa ke Ntulube Akubon' 
ukuba zinqakul' apha ke Ntulube.   Yahamba inkomo yaphinda yema.  Hayi 
balungisa intambo bayithatha intambo balungisa zonke izinto zabo bayibamba 
ukuba ngoku izokubanjwa iwiswe phantsi inkomo ayiwi.  Baba ngayithini inkomo 
ayiwi baba ngayithini inkomo ayiwi.  Baba ngayithini inkomo ayiwi baba 
ngayithini inkomo ayiwi.  "Kwedini!" bangxamela kwalo mntwana.  Ngokuna ezi 
zinto zifun' izitshetshe ukuba mazimbulale kwayesazazi akuboni nento le 
uyafunwa ke emakhaya akaziwa nokuba uphina kuba abantu banexhale yile ndawo.  
Watsho lo mntwana  Ntulube ha Ntulube ha Yiwa kuyawiwa ke Ntulube yiwa 
kuyawiwa ke Ntulube Akuboni ukuba zinqakul' apha ke Ntulube.   Yas'ke yawa 
inkomo dudlu.  Babangayithini ayihlabeki babangayithini ayihlabeki 
babangayithini ayihlabeki.  Wancum' umntwana.  Waphinda watsho kwayena  
Ntulube ha Ntulube ha Hlabeka kuyahlatyekwa ke Ntulube hlabeka kuyahlatyekwa 
ke Ntulube Akuboni ukuba zinqakul' apha ke Ntulube.   Bayihlaba bayixhela 
bayigqiba.  Bayitya ka ngoku ayivumi kungena emiqaleni inkomo.  Babangathi 
ukuyiginya ayiginyeki babangathi ukuyiginya ayiginyeki bangxamela kwalo 
mntwana ngoba le nto bebeyibhungile.  Waphinda umntwana wathetha  Ntulube ha 
Ntulube ha Ginyeka kuyaginyekwa ke Ntulube ginyeka kuyaginyekwa ke Ntulube 
Akuboni ukuba zinqakul' apha ke Ntulube.   Zayitya zatsho izisu zangaka 
zahlutha bethu.   Ee  zayitya zayitya zayitya zayitya ke ngoku na ziyahamba ziza 
kuhamba.   Kukho ixhegwazana.  Naliya eli xhegwazana lahlalayo ekhaya apha.  
Ixhegwazana elidala elikhokhobayo kwemkiwa baya kuzingela kwakhona ke ngoku.  
Ukuba nokuba bangaya ngakweziya kantsi ezi nkomo zifuniwe.  Kwafikeka kule 
ndawo.  Kwabuywa.  Ngokuna kuyafikwa apha hayi zemka.  Wahlala wahlala lo 
mntwana wajonga  o!  bemkile.  Lathi eli xhegwazana lathi "He mntwana wam!" 
Wathi "Hi!" Lathi "Uyazi ekhaya apha uya kufa.  Kutheni uhleli nje ungahambi 
nje mntwana ungahambi nje? Hamba!" Wathi "Ndingathini makhulu?" Lathi 
"Zibonele ngolu hlobo uzibonela ngalo ngangoba ndibona nje ukuba ikhona le nto 
ikuwe apha awunakulunga kule nto. " Wathi "Akukho nto ingandixakayo.  Ndoyika 
nawe lo makhulu. " Lathi "Nam ndoyika ukugetyengwa.  Undincede ungandixeli nam 
ndingatyiwa.  Uzuthi apho ubaleke khona ungakh' utsho kuba nam ndingafika apha 
ndibulawe mandithi ndihleli apha nje ndagcinwa ukuba mandigcine ezi nyama.  
Ndigcine ezi nyama ndibetha izinja ndihleli apha nje. "   Ee  was'ke lo mntwana 
wesuka "Ndifuna lo mlingo ukuba lo mlingo wakho awungekhe ulunge apha kum. " 
Was'ke lo mntwana watsho "yeka ke makhulu. " Wathi  Ntulube ha Ntulube ha 
Phuma kuyaphunywa ke Ntulube phuma kuyaphunywa ke Ntulube Akubon' ukuba 
zinqakul' apha ke Ntulube  Ke ngoku ufuna ukuba mayiphume le iseziswini.  
Yaphuma abayiboni bona ukuba iyaphuma.  Iphuma ngomlingo kubo phaya yas'ke 
yaphuma yaphuma yaphuma yaphuma.  Wathi uyayibona lo mntwana seyiqokelelene 
nantsiya phaya esikhumbeni.  Kwathi ke ngoku ngelo xesha ukuba ayibona ukuba 
 o!  iqokelelene was'ke wathi "Yeka ke makhulu. "  Ntulube ha Ntulube ha Hamba 
kuyavukwa ke Ntulube vuka kuyavukwa ke Ntulube Akubon' ukuba zinqakul' apha ke 
Ntulube  Yavuka inkomo yas'ke yema ngamanqina omabini yayilaa nkomo ibingaka.  
Wathi lo mfazi "Ungabi sema. " Wathi lo mntwana kwakhona ke ngoku  Ntulube ha 
Ntulube ha Hamba kuyahanjwa ke Ntulube hamba kuyahanjwa ke Ntulube Ndakukhwela 
apha kuwe ke Ntulube ndakukhwela apha kuwe ke Ntulube  Inkomo yas'ke yavuma.  
Was'ke umntwana wajingeka watsho ngaphezulu. Yas'ke yemka inkabi yenkomo yemka 
inkabi yenkomo yemka inkabi yenkomo.   Nali eli xhegwazana lihleli abekho baye 
kuzingela.  Waliphepha ke ngoku eli cala ebeze ngalo umntwana ke ngoku kuba le 
ndawo ikude waliphepha kwa eli hlathi ebeze ngalo wanqumla ngoku waya kunqumla 
ngapha.  Bambona esithi thu entla komzi.    Ee  kwantyomtywa amakhwelo 
kwantyontywa amakhwelo kowabo kubonwa esi simanga.  Kwathiwa " Awu !" kanti le 
nkomo yaba nomlingo owaziwa ngulo mntwana isihelegu.   Nditsho ukuthi ke 
yas'ke ke ngoku yahlala le nkomo.  Phela ngantsomi.    Kwathi ke kaloku.   
Yangumfazi nabantwana ababini abangamakhwenkwe owesithathu uyintombi 
usemncinci.  Waza walala lo mfazi naba bantwana bakhe indoda ayikho 
isetywaleni.  Wahlala.  Lo mfazi ehleli nje uyoyika ekhaya apha kukho into 
emvingcelayo.  Kukho into evingcayo evingcela abantwana ufike bekhala betyiwa 
yinto.  Le nto iyabagobha ebusuku bayakhala abantwana.  Indoda ayikho ihleli 
etywaleni ayifuni ukusondela ekhaya.   Uthi nogulayo umfazi amthathe amse 
kowabo.  Athi asakugula umfazi amquthe umntwana amse kowabo.  Waba ngaya 
kuxelela umkhuluwa wakhe athi "Ndiyagulelwa phaya kwelaa khaya. " Athi 
umkhuluwa wakhe "Hayi andinakungena ndawo kuba ubani xa angabahoyanga aba 
bantwana andinakungena ndawo kuloo nto. "  Umfazi abaquthe athi "Hayi ndiya 
kuzincama nokuba ndiyavingcelwa yile nto. " Ale besalele eve lo mfazi kukho 
into ethi "Ngqu! Ngqu! Kroxo! Ngqu! Ngqu! Kroxo! Ngqu! Ngqu! Kroxo!" Athi 
umtwana "Mama  mama nantsi ke laa nto ifikile ngoku.  Siza kufela apha mama!" 
Bathake abantwana bahambele kunina bonke ngoba bayoyika bangumbele kunina.  
Athi esamamele itsho le nto kwangoko  Wayetshilo ke uNtenetyana Wayetshilo ke 
uNtenetyana Wayetshilo ke uNtenetyana Wathi kwaMangangedol' akuyiwa kubuyayo 
Ngqu! Khanilale khanilale! Ngqu! Khanilale khanilale! Ngqu! Khanilale 
khanilale!  Bakhale abantwana bathi "Ywe! Ywe! Mama siyoyika ngoba ngoku uthi 
masilale ngokuna ke thina siyoyik' ukulala ngokuba siyayazi ukuba iza 
kusitya!" Selemgobhile omnye uyopha aph' esidleleni uyoyika.  "Mna ndiyoyika 
ke mama" atsho anabele kunina.  Baphinde balale unina athi wambu umrhaji alale 
ngawo athi wambu athi "Lalani bantwana bam siya kubonwa nguThixo ukuba le nto 
iyasibulala. "   Ee  abathathe abathi wambu abagalele kweli bhayi alele ngalo 
limdaka.  Iphinde le nto  Ngqu! Ngqu! Khanilale! Ngqu! Ngqu! Khanilale!  
Kuphinde ke kutsho into apha phezu kwendlu aph' endlwini ithi  Wayetshilo ke 
uNtenetyana Wayetshilo ke uNtenetyana Wayetshilo ke uNtenetyana Wathi 
kwaMangangedol' akuyiwa kubuyayo Ngqu! Khanilale khanilale! Ngqu! Khanilale 
khanilale! Ngqu! Khanilale khanilale!  Athi "Yhu! Yhu!" akhale lo mntwana 
"Yhu! ivele ngobuso ivele nendlebe ivele nendlebe mama.   Owu  yini na utata 
yena engasondeli nje? Siza kufel' apha nje kule ndlu!" atsho antantazele.  
Antant' umfazi aphakamis' umlenze umfazi abathi  hakishi  ngedolo abaqubudele 
phantsi kwakhe axelise inkuku abaqubudele phantsi kwakhe.  Athi "Bantwana bam 
ukuba nityelwe phantsi kwam akutho nto ukuba nityelwe phantsi kwam ngoba nam 
ndiyoyika uyihlo wandilahla.  Ndibe ngaya nakwamkhuluwa wam ndiyabulawa ndiba 
ngaya nasekhaya kuthiwe thatha abantwana bakho abantwana bakho bayayigqiba 
inkinkqa yasekhay' apha.  Andinakuyinceda into yabantwana.   Owu!  Owu ! Yini 
abantwana!" "Mama safa mama ndiyoyika mama ndiyoyika mama!" kutsho lo 
uyinkwenkwe "Mama safa mama safa ndiyoyika mama ndiyoyika mama!" Athi "Heyi!" 
kutsho unina athi  hakishi  ngemilenze aqubude phezu kwabo athi "Mna ndiza 
kuxelisa inkuku nokuba ndingumntu kuba ndizigqibele izihlobo zam.  Kuthiwa 
mandihambe nabo kuba abantwana bam bayimfumba andinakungena ekhaya 
andinakungena kwamkhuluwa kuba ndandisendiziphumile umzi wam.  Qubudani 
bantwana bam nilale nokuba siyoyika. "  Uyangcangcazela lo umncinci umntwana 
akakhali nokukhala lo umncinci uncancayo ebeleni.  Iphinde itsho le nto  Ngqu! 
Khanilale khanilale khanilale Ngqu! Khanilale khanilale khanilale  Itsho le 
nto phaya phezu kwendlu  Wayetshilo ke uNtenetyana Wayetshilo ke uNtenetyana 
Wayetshilo ke uNtenetyana Wathi kwaMangangedol' akuyiwa kubuyayo Ngqu! 
Khanilale khanilale! Ngqu! Khanilale khanilale! Ngqu! Khanilale khanilale!  
Kwada kwasa.  Phela ngantsomi.    
Kwathi ke kaloku ngantsomi.   Iinyamakazana zenz' intlanganiso enkulu ukuba 
mazenze umzi wazo.  Hayi ke zawenza lo mzi.  Ziphakul' ubusi zibubeke kule 
ndlu yonke into emini ziyibeke kule ndlu ziphinde zivuke kwakusa ziye 
kuzingel' obunye.  Kwakho into eman' isitya ukutya kwazo aph' endlini.  He 
yintoni le nto itya ukutya kwethu aph' endlini? Kuyatyiwa oku kutya aph' 
endlini.    He  "Hayi makugcinwe makushiye ke wenaMvundla wena mntu unamehl' 
amakhulu uze uyibon' le nto. " Hayi ke wahlala uMvundla washiyeka.  Zahamba ke 
iinyamakazan' zaya kuzingela.   Thu inkalimevana kanti yinkalimevana le itya 
oku kutya.  Yathi yakuthi thu yathi "Molo mfondini. " "Ewe hayi uvela ngaphi?" 
"Hayi hayi ndihamba nje.  Khawuze siphendlaphendlane. " Baphendlana.  Yathi 
makuqale yona iphendle lo Mvundla.  Yawuphendla ke lo Mvundla wasuke uMvundla 
walala uthe ndlu amehlo.  Yabona inkalimevana "nokuba ndis' umnwe emehlweni 
ulele. " Yambeka phantsi yay' endlini yakutya konk' ukutya yakuthi phuu! 
endlini ukutya kweenyamakazana zonke.   Hayi ke zavel' iinyamakazi ngexesha 
lazo uMvundla sewukhohlene nentw' apha.  Wakhwel' esiphunzini somthi wathi  
"Ukutya kweenyamakazana zonke zonke zomhlaba kutyiwe yinkalimevana kutyiwe 
yinkalimevana Ndithe ukusuka ndalala ndalal' ubuthongo bemini Hi  awu  khange 
ndiyiqonde le ndawo Ndithe ukusuka ndalal' ndalal' ubuthongo bemini. "    Owu  
zaya iinyamakazi zamthi qwenge qwenge zambulala.  Kwathiwa makushiyeke 
 uDyakalashe  ngosuku olulandelayo.   Hayi ke washiyek'  uDyakalashe .  Yafik' 
inkalimevana "Masiphendlaphendlane mfondini. " Wathi  uDyakalashe  "Yiza ndiqale 
ngawe. " Yathi inkalimevana "Ewe kulungile. " Waphendl'  uDyakalashe .  Yathi 
inkalimevana.  "Yiza kuwe  Dyakalashe . " Yaphendla  uDyakalashe  wazilalis' 
 UDyakalashe  akalalanga apha ngath' ulele.   O  yabon' inkalimevana ukuba ulele.  
Yamthi butye phantsi yay' endlini.    O  wathi  uDyakalashe   o  iya kutya.  Waya 
kuvingc' emnyango  uDyakalashe  ngoku.  Wafik' inkalimevan' isitya ukutya 
kweenyamakazi okuya kubekiweyo.  Hayi wathi akuvingc'  uDyakalashe  aph' 
emnyango wayihlaba le nkalimevana.  Kanti le nto ityebile yavuz' amafutha 
indlu yazala ngamafutha.   O  hayi ke wavala wahlala phandle zavel' iinyamakazi. 
 Waya kwesaa siphunzi naye "Ukutya kweenyamakazana zonke zonke zomhlaba Kutyiwe 
yinkalimevana kutyiwe yinkalimevana Ndithe ukusuka ndalala nalal' ubuthongo 
bemini Hi awu khange ndiqonde le ndawo Ndithe ukusuka ndalal' ndalal' 
ubuthongo bemini. "   O  zathi xa zizayo wathi "Hayi ndiyaxoka ndiyaxoka.  
Yizani yizani ndiyibulel' inkalimevana. "  Zathi zakuya endlini iinyamakazana 
zayibon' ukuba indlu izele ngamafutha kwatyiwa apha kwathi xhi xhi xhi xhi.   
Phela phela ngantsomi.   
  Kwathi ke kaloku ngantsomi.   Emzini kwathonjiswa 
iintombi ezintathu.  Zahlala zisendlini.  Zahamba kwathiwa maziye kukh' 
umakhaba.  Zithe zakufika phaya kumakhaba laa ntombi ithombileyo yalibal' 
inkciyo yayo xa zigodukayo intombi.  Zithe xa zigodukayo yathi le ntombi "Hayi 
inkciyo yam ndiyilibele. " Yajika yaya kuland' inkciyo yayo kulaa mngxunya 
kamakhaba.  Ithe yakufika phaya yafika kukh' isilwanyana indoda enkulu 
yayinginya.  Zahamb' ezaa ntomb' ibihamba nazo.  Zabamb' ihlungulu zagoduka 
nalo zaya kulenza laa ntomb' ibithombile.  Yafika laa ndoda iginye laa ntombi 
ityeth' ingxowa yayo kanti kulaa ngxowa kukho laa ntombi ibishiy' inkciyo 
yayo.  Yakufika pha laa ntombi yombela ingoma yayo izixelayo ukuba ingubani.  
Yazixela laa ntombi.  Kwathiwa mayokh' amanzi kwindawo engakhali sele. Yahamba 
laa ndoda yathi "Zeningayiphathaphath' ingxowa yomnt' omkhulu. "  Le inalaa 
ntombi.  Yahamba le ndoda.  Yaba ngakh' amanzi apha lakhal' isele.  Yaba 
ngakh' amanzi apha lakhal' isele.  Yaba ngakh' amanzi apha lakhal' isele.  
Yada yenyuka.  Kanti ngelaa xesha iyokh' amanzi he! kugalelw' izilwanyan' 
ezilumayo kulaa ngxowa intomb' ikhutshiwe.  Hayi uyabuya laa mfo waphiw' 
inyama.  Wanikw' ingxowa yakhe wagoduka.  Uya emzini wakhe.  Xa afik' emzini 
wakhe uthi "Mfazi wam omkhulu phek' imbiz' ibe bomvu. " Uza kupheka laa ntombi 
ngoku yena akayaz' ukuba intombi iphumile.  Ziinyosi noonomadudwan' aba 
balapha noonomeva.  Wayiphek' umfazi imbiza yabomvu.  " O  mfazi khawuze nalaa 
ngxowa yam. " Umfazi uya kuthath' ingxowa.  Ingxowa iyaluma emzimbeni 
uyayilahl' umfazi.  Umfo uya kuthath' izembe.  Ubeth' umfazi uyamgxotha.  Ngo! 
"Hamba sibhanxa somfazi! Mfazi wam khawuz' apha mfazi wam olandelayo".  
Nomfazi olandelayo uyayithat' ingxowa.  Ziyamtya ezaa zinto ezaa nyosi naba 
nomeva naba nomadungudwane uyayilahla iyambetha le mfo.  Wabiz' umfazi wakhe 
omncinci.  Uyambetha uthi ke ngonje "Ntombi yam khawurhuqe le ngxowa mntanam 
uyifak' aph' endlwini ntombi yam. " Uyayirhuq' umntwan' ingxowa uyayifak' 
endlwini.  Uthi "Val' ucango ngoba ndiza kuyitya ndedwa le nyama yalo mntwana. 
"Ngonje akuyivul' ingxowa endlini lo mfo kuphum' oonomeva neenyosi 
noonomadunkudwane ziyamtya kule ndlu.  Uyakhala le mfo "Yho! Vulani 
ndiyaphela! Yhooo! vulani vulani ndiyaphela. "  Abakh' abafazi babalekil' 
ubabethile.  Waphuma lo mfo wabaleka waya kutshon' echibini lamanzi.  Utyiwe 
ziinyosi.  Wafika wangena ngentloko amanzini.  Zangen' iinyosi aph' esibunwini 
sakhe.  Zangen' iinyosi aph' esibunwini.  Kwez' omny' umfana waza kuphakul' 
ezi nyosi.  Minxi! isibunu sendod' endala.  Waba ngath' ihlanza yathi le ndoda 
"Bamba mnqundw' endod' endala! Bamba mnqundw' endod' endala!" Yho kuza 
kuthwani.  Nants' indod' ibanjiswe sisiphunzi somthi.  Yaza kuqhawulw' ingalo 
loo ndoda ngenxa yokuba isandl' asiphumi phaa kumnqundw' endod' endala.   
Phela phela ngantsomi.
    Kwathi kaloku ngantsomi.   Yayindoda.  Yazeka yazeka 
abafazi ababini.  Wazala lowa mkhulu wazal' inkwenkwe.  Wazala lo umncinci 
wazal' intombazana.  Hayi ke kwaphela ngaba bantwana bobabini.  Ngoku yathi le 
ndoda kuba isisikhulu yathatha laa mntwana yamthombisa.  Yathi "Ndifun' 
ukumthombisa lo mntwana ngoku asemncinci ngoku ndisekhoyo nam. "  Hayi ke 
kwaqokelelwa iintombi ukuba mazize kumngenisa.  Zamthatha lo mntwana zemka 
naye zaya kukh' imbola njengamaxa iintombi ziza kubuya ngokungena zemka phofu. 
 Ngoku zahamba.  Zemka zemka zemka zemka zemka zabuya.  Zathi zingazanga 
kufik' aph' ekhaya yathi le ntombi "Tyhini! Ndilibele ibhayi lam kulaa ndawo 
besikhelela kuyo imbola. " Kutsho le iza kuthomba.  Kwathiwa ke zezinye "Hamba 
uye kulithatha siza kukulinda. "  Hayi ke bethu yaphinda yahamba yaya kufika 
phaya.  Yafika kukh' into ehleliyo phaya isilwanyan' esihleliyo.  Yathi le 
ntombazana "Khang' ulibon' ibhayi lam apha?"  Yathi le nto "Sondela nganeno 
andiva ngumoya. " Hayi yasondela le ntombazana yayithatha yayifak' engxoweni.  
Zahlala zahlala zahlala zahlala zahlala iintombi zancama zahamba.  Hayi ke 
zahamba ke zaya kufik' ekhaya.  Zathi zakufik' ekhaya zabamb' ihlungulu 
zalingenis' endlwini zalithombisa.  Hayi ke zahlala ke.  Hayi ke kwahlaleka ke 
kuthonjisiwe ekhay' apha.   Ngokuna kwafik' umhla wazibande kuza kuxhelwa.  Le 
ndoda iza kuxhel' inkomo.  Kwaxhelwa.  Kwathi kusakuxhelwa yabuya laa nto 
phay' emlanjeni kulaa ndawo ibinalaa mbola kanti ityethe le ntombazana.  Yathi 
isakufika yathi "Mpu mpu mpu mpu mpu khawukhale khawukhale gaga lomntu omkhulu 
int' eyakh' amanzi enkosi.  Khawukhale khawukhale. " "Ndisikeleni enqatheni 
madod' omzi omkhulu. "  Ee  amsikela la madoda.  Akazi ukuba yile ntombazana 
yasekhay' apha amsikela la madoda.   Ee  waman' egibisela kule ngxowa.  Yathi le 
ntombazana "Ndithi khawuthethe khawuthethe Nofefe Bev' abaNgobeni Khawuthethe 
khawuthethe Nofefe Ndithi khawuthethe khawuthethe Nofefe Ndithi bendilandel' 
 uJabulani  uJabulan' luhlang' obomvu ngabany' abathi Hamba sothatha kwaHelana" 
 "Tyhini itheni le nto le nt' ibiza abantu basekhay' apha bonke. " "Hayi 
asiyazi hayi asiyazi' yangulowo "hayi asiyazi.  Khawuphinde khawuphinde 
mntwan' enkosi khawuphinde kuhlwile. " "Mpu mpu mpu mpu khawukhale khawukhale 
gaga lomntu omkhulu.  Khawukhale gaga lomntu uyazi ukuba uza kundigodusa.  
Khawukhale ndiyahamba kuhlwile ngoku. "  "Ndithi khawuthethe khawuthethe 
Nofefe Bev'  abaNgobeni  Khawuthethe khawuthethe Nofefe Ndithi 
bendilandel' uJabulani  uJabulan'  luhlang' obomvu ngabany' abathi Hamba 
sothatha kwaHelana"   Ee  yehla le ndoda.  Kwathiwa "Mntwan' enkosi khawusiyel' 
emlanjeni sinxaniwe uyokh' amanzi. " Wanikwa  iemel ' evuzayo.  Yathathwa le nto 
yaya kutshixelwa kweny' indlu.  Yathi yakutshixelwa kule ndlu "Ungakhi 
kwindawo ekhal' isele!" Yaba ngafik' apha.  "Sele!" Grwa! Grwa! Grwa! Grwa! 
Yada yafika komnye yakha.  Yaba ngabiza yaba ngabiza isele alabikho.  Yakha 
yavuz'  iemela  yavuz'  iemela .  Yaba ngatha' udongw' icika yavuz'  iemele .     
yancama yabuya yabuya nale  emela .  Kwathiwa "Aphi amanzi?" Yathi yona "Iyavuza 
le  emele  mntwan' enkosi iyavuza le  emele . "  Kuthe ke ngelaa xesha ibiphay' 
emlanjeni kwakhutshwa laa ntombazana phaya kulaa ngxowa yayo yafakwa kweny' 
indlu.  Kwathathwa iimbovane.  "Mbovane iya kuthini?" Yath' imbovane "Ndiya 
kuthi mpuuu!" Kwathathwa unonyevu wafakwa.  "Nonyevu uya kuthini?" "Ndakuthi 
mpuuu!" Kwathathwa inyosi yafakwa.  Kwathiwa "Nyosi uya kuthini?" "Ndakuthi 
mpuuu" Kwathathwa impukane yafakwa phakathi nezinto zane apha kule ngxowa ukuba 
mayibe nesikali.  Ngokuna kwathiwa "Mpukane!" Yathi impukane "Hi?" "Uya 
kuthini?" Yathi le mpukane "Ndiya kuthi  Kwawuthethe khawuthethe Nofefe Bev' 
abaNgobeni Khawuthethe khawuthethe Nofefe Ndithi bendilandel'  uJabulani  
 uJabulan ' luhlang' obomvu ngabany' abathi Hamba sothatha kwaHelana  Kwathiwa 
"Yek' ugqibile. " Kwavalwa kwemkiwa.   Yabuya ke ngoku laa nto phay' 
emlanjeni.  Yathi isakubuya kwathiwa "Aph' amanzi?"  2iyavuza le  emele . "  
Hayi ke kwathiwa mayihlale.  Kwathiwa "Hamb' othatha ugaga lwakho. " Yahamba 
yanikw' isitshixo yavula yathatha ugaga lwayo.  Yabuya yafika esangweni 
esibayeni.  Yafika yalubetha yathi "Mpu mpu mpu mpu! Khawukhale khawukhale 
gaga lomntu omkhulu.  Khawukhale.  Kungathi kanti nikhe naluphathaphatha. " 
Kwathiwa "Hayi khange siluphathe mntwan' enkosi khange siluphathe  tu . " Yathi 
impukane  "Ndithi khawuthethe khawuthethe Nofefe Bev'  abaNgobeni  Khawuthethe 
khawuthethe Nofefe Ndithi bendilandel'  uJabulani   uJabulan ' luhlang' obomvu 
ngabany'abathi Hamba sothatha kwaHelana"   Ee  yahamba ke ngoku le nto yemka.  
Yemka yemka yemka yemka yemka le nto kwala xa kuphi zaphum' ezi zinto kule 
ngxowa zema kuyo emzimbeni zayitya zayitya zayitya zayitya zayitya.  Yaba 
ngathin' ihlangula ihlangula yancama yazifak' emlanjeni emanzini  yabhekis'  
imilenze phezulu izifake ngentlok' emanzini.  Zabumbel' ezi zinto apha 
zalibubu.   Phela ngantsomi.   

